YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 21

21
1Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza ke wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe kwangena uYehoram unyana wakhe.
UYehoram ukumkani wakwaJuda
(2 Kum 8:17-24)
2Abantakwabo-Yehoram, oonyana bakaYoshafati, yayingooAzariya, uYehiyeli, uZakariya, uAzariyahu, iMikayeli, noShefatiya. Bonke abo ke ngoonyana bakaYoshafati ukumkani wakwaSirayeli. 3Uyise wabanika intaphane yezipho: isiliva, igolide, nezinto ezixabisekileyo, kananjalo nezixeko ezinqatyisiweyo kwelakwaJuda. Kambe ke wona umbuso wawunika uYehoram, kuba kaloku wayengunyana wamazibulo. 4Akuba ezinzile embusweni kayise uYehoram wababulala bonke abantakwabo ndawonye namatshawe athile akwaSirayeli.
5Ukuqala kwakhe ukulawula uYehoram wayeneminyaka emashumi mathathu anambini, waza ke walawula eJerusalem iminyaka yasibhozo. 6Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wenza njengendlu ka-Ahabhi. Kaloku wayethathe intombi yakhe. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo. 7Kambe ke, ngenxa yomnqophiso kaNdikhoyo nendlu kaDavide, uNdikhoyo akavumanga ukuyitshabalalisa indlu kaDavide. Kaloku wayemthembise ngelithi womnika isibane ngoonyana bakhe yonke imihla.
8Ke ngexesha likaYehoram iEdom yamvukela uJuda, yazimisela owayo ukumkani. 9Ngoko ke uYehoram waya khona namaphakathi akhe, nazo zonke iinqwelo zakhe. Ke amaEdom amrhawula kunye nezo njengele zeenqwelo, kambe ke yena wavuka ngobusuku waphuncuka. 10Unanamhlanje ke iEdom isavukelene noJuda.
Kwangelo xesha neLibhena yenza uvukelo, kuba kaloku uYehoram wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise, 11kananjalo wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo kwiinduli zakwaJuda, abantu baseJerusalem wabafaka kumkhwa wobuhenyu. Ewe, wamlahlekisa uJuda.
12UYehoram wafumana ileta evela *kumshumayeli uEliya isithi: “UNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide uthi: ‘Wena akuhambanga ngeendlela zikayihlo uYoshafati okanye uAsa ukumkani wakwaJuda, 13koko usuke wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli. UJuda nabantu baseJerusalem ubakhokelele kumkhwa wobuhenyu, njengoko yenzayo indlu ka-Ahabhi. Kananjalo ubabulele abantakwenu, usapho lwendlu kayihlo, amadoda ebengcono kunawe. 14Ngoku ke uNdikhoyo uza kubetha kubantu bakho, oonyana bakho, abafazi bakho, nayo yonke into eyeyakho; ewe, uya kutsho ngesithonga esinzima. 15Wena kanye uza kuhliwa luzenge-zenge lwesifo sezibilini; ewe, eso sifo siya kuzikhupha izibilini zakho.’ ”
16Ke uNdikhoyo uYehoram wamxhokonxela amaFilistiya nama-Arabhu awayehlala ngakumaKushe. 17Bamhlasela uJuda, batyhoboza, baza bazithatha zonke izinto ezixabisekileyo ezafumaneka ebhotwe, ndawonye nabafazi bakakumkani noonyana. Akusalanga namnye unyana ngaphandle kwephelo lakhe uAhaziya.
18Kamva ke uNdikhoyo wabetha uYehoram ngesifo sezibilini esinganyangekiyo. 19Ethubeni, ekupheleni konyaka wesibini, izibilini zakhe zaphuma ngenxa yeso sifo, waza wafela entlungwini emangalisayo. Abantu bakhe ke abazange bamzilele ngomlilo njengoko babenzile kooyise.
20Ekungeneni kwakhe embusweni uYehoram wayeneminyaka emashumi mathathu anambini, waza ke walawula eJerusalem iminyaka esibhozo. Ekuswelekeni kwakhe akukho mntu waba buhlungu, waza ke wangcwatyelwa kwisixeko sikaDavide, kodwa ke kungekho kumangcwaba ookumkani.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 21: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy