YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 17

17
UYoshafti ukumkani wakwaJuda
1Ke uYoshafati unyana ka-Asa wangena esikhundleni sikayise, waza ke wawomeleza umkhosi wakhe ukuze angoyiswa nguSirayeli. 2Wamisa umkhosi kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwaJuda; wamisa amabutho kwaJuda nakwiidolophu zakwaEfrayim ezazithinjwe nguyise uAsa.
3*UNdikhoyo ke waba naye uYoshafati kuba wayehamba ngeendlela uyise awayehamba ngazo kuqala. Wayengabuzisi kooBhali, 4koko efunana noThixo kayise, ehamba ngemiyalelo yakhe yonke, engazilandeli izenzo zamaSirayeli. 5UNdikhoyo wawuzinzisa phantsi kwakhe umbuso wakhe, waza wonke uJuda wazisa izipho kuye, waza ke wasisityebi, futhi wahlonelwa. 6Wayezinikezele ngentliziyo yakhe yonke kwiindlela zikaNdikhoyo; ngaphezu koko ke wazitshitshisa iindawo eziphakamileyo zonqulo kunye neentsika zika-Ashera kwelakwaJuda.
7Ke kaloku ngonyaka wesithathu wolawulo lwakhe uYoshafati wathumela la maphakathi ukuba aye kufundisa kwiidolophu zakwaJuda: uBhen-rhayili, uObhadiya, uZakariya, uNataniyeli, noMikaya. 8Ayekhatshwa ngaba baLevi: uShemaya, uNetaniya, uZebhadiya, uAsaheli, uShemiramoti, uYehonatan, uAdoniya, uLabhiya, uTobhiya, noTobhi-adoniya, nababingeleli uElishama noYoram. 9Babephethe incwadi yomthetho kaNdikhoyo, baza ke bafundisa kulo lonke elakwaJuda, bazijikeleza iidolophu zakhona, bafundisa abantu.
10Ke kaloku uNdikhoyo watsho wahlonelwa zizo zonke izikumkani zemihlaba ejikeleze uJuda, ngaloo ndlela ke akwabikho sizwe sikathaza uYoshafati ngemfazwe. 11AmaFilistiya athile arhuma ngezipho nangesiliva, aza ama-Arabhu amzisela imihlambi: amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eebhokhwe.
12UYoshafati waya esomelela ngokomelela. Wakha iinqaba nezixeko ezingoovimba kwaJuda, 13kananjalo umphako omninzi ewugcina kwiidolophu zakwaJuda. Wayenawo namajoni anamava, ewagcina eJerusalem. 14Nalu uludwe lwawo ngokwemilibo:
KwaJuda: iingqwayi-ngqwayi zamabutho:
uAdena ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamakhulu amathathu amawaka;
15kulandele uYohanan ingqwayi-ngqwayi eyayinamajoni angamawaka angamakhulu amabini anamashumi asibhozo;
16kuze uAmasiya unyana kaZikri owazinikezela ngokwakhe ukusebenzela uNdikhoyo enamajoni angamawaka angamakhulu amabini.
17KwaBhenjamin:
uEliyada, igorha lomfo owayenamajoni axhobe ngeentolo namakhaka – amawaka angamakhulu amabini;
18kulandele uYozabhadi enamajoni axhobele imfazwe alikhulu elinamashumi asibhozo lamawaka.
19La ke ngamadoda awayesebenzela ukumkani, ngaphandle kwalawo awayehlaliswa kwizixeko ezinqatyisiweyo kulo lonke elakwaJuda.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 17: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy