YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 16

16
Imihla yokugqibela ka-Asa
(1 Kum 15:17-24)
1Ke kaloku kwathi kunyaka wamashumi amathathu anantandathu wolawulo luka-Asa kwanyuka uBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, weza kuhlasela uJuda, wafika wayingqinga iRama, wavala akwabi nakungena nakuphuma mntu kummandla ka-Asa ukumkani wakwaJuda.
2Ke uAsa wayithatha isiliva negolide eyayikoovimba bendlu *kaNdikhoyo nakwabo bebhotwe lakhe, waza wayithumela kuBhenadadi ukumkani wama-Aram owayelawula eDamasko. 3Wathi kuye: “Makubekho umnqophiso phakathi kwam nawe, nanjengokuba wawukhona phakathi kukabawo noyihlo. Nâso isipho endikunika sona: igolide nesiliva. Wuqhawule ke umnqophiso ophakathi kwakho noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli, khon' ukuze andiyeke.”
4UBhenadadi ke wavumelana nokumkani uAsa, waza wathumela iingqwayi-ngqwayi zomkhosi wakhe, zaya kuhlasela iidolophu zakwaSirayeli, bayoyisa i-Iyon, nesixeko sakwaDan, neAbhele-mayim, nazo zonke izixeko ezingoovimba zakwaNafetali. 5Akuyiva le nto uBhayesha wayeka ukwakha engqinga iRama, wawushiya loo msebenzi. 6Ke ukumkani uAsa weza nawo onke amadoda akwaJuda, baza bawafudusa eRama amatye kunye nemithi eyayisetyenziswa khona nguBhayesha. Ngezo zinto ke wakha iGebha neMizpa.
7Ngelo thuba ke imboni uHanani yeza kukumkani uAsa wakwaJuda, yathi kuye: “Ngenxa yokuba usuke wakholosa ngokumkani wama-Aram endaweni yokukholosa ngoNdikhoyo uThixo wakho, ngoko ke umkhosi wama-Aram uza kuphuncuka esandleni sakho. 8Andithi na amaKushe namaLibhiya ayengumkhosi onamandla onenyambalala yeenqwelo nabakhweli-mahashe? Kanti ke wathi ngokukholosa ngoNdikhoyo, yena wawunikela esandleni sakho loo mkhosi. 9Kaloku wona amehlo kaNdikhoyo akulo lonke ihlabathi, yaye ke uyabomeleza abo babambelele kuye ngokupheleleyo. Ewe, wenze into yobuyatha; ngoko ke ukusukela ngoku uza kuntyumpa-ntyumpeka emfazweni.”
10Kambe ke uAsa wasuka wakhathazeka yiloo nto yayithethwe yimboni kuye, ngangokuba ade ayibambe ayivalele entolongweni. Kananjalo ke uAsa wasuka ngoku wabangcungcuthekisa ngengcinezelo abanye abantu.
11Ke kaloku iziganeko zolawulo luka-Asa, ukusuka ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo zibhalwe encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli. 12Ngonyaka wamashumi amathathu anethoba wolawulo lwakhe uAsa wangenelwa sisifo seenyawo. Nangona wayebambekile, naxa yayingasekuko, akazange afune uncedo kuNdikhoyo, koko wabhenela kumagqirha. 13Ke kaloku kunyaka wamashumi amane ananye wasweleka uAsa, waya kuphumla kooyise. 14Wangcwatywa kwingcwaba awayezenzele lona kwisixeko sikaDavide. Umzimba wakhe bawusebenza ngobulawu, loo nto beyenza ngobugcisa, bamqhola ngeendidi ngeendidi zeziqholo; baza ke bamzilela ngomlilo omkhulu.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 16: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy