YouVersion Logo
Search Icon

2 YEZIGANEKO 11

11
1Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli alubuyisele ulawulo kuRehobhowam.
2Kambe ke kwafika eli lizwi *likaNdikhoyo kuShemaya umfo wakwaThixo lisithi: 3“Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda namaSirayeli onke kwaJuda nakwaBhenjamin, uthi: 4‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke bawathobela amazwi kaNdikhoyo, babuya ekuhlaseleni uJerobhowam.
URehobhowam ukhusela uJuda
5URehobhowam wema eJerusalem, waza wazihlaziya wazakha iidolophu ezithile ukukhusela uJuda. 6Wahlaziya iBhetelehem, iEtam, iTekowa, 7iBhete-zure, iSoko, iAdulam, 8iGati, iMeresha, iZifi, 9iAdorayim, iLakishe, iAzeka, 10iZoram, iAyalon, neHebron. Ezi yayiziidolophu ezinqatyisiweyo kwaJuda nakwaBhenjamin. 11Wazomeleza iinqaba zazo, wafaka iingqwayi-ngqwayi kuzo nesixhaso sokutya, amafutha omnquma, newayini. 12Kuzo zonke ezi zixeko wabeka amakhaka nemikhonto, wazitsho zomelela kunene. Ngoko ke uJuda noBhenjamin yaba ngabakhe.
13Ke kaloku ababingeleli nabaLevi bazo zonke izithili bawelela ngakuye. 14AbaLevi bayishiya imihlaba yabo ngokunjalo namadlelo abo, baya kwaJuda naseJerusalem, kuba uJerobhowam noonyana bakhe babubukula ububingeleli babo ngokumiselwa *nguNdikhoyo. 15Wasuka wamisela abakhe ababingeleli ukuze basebenze kwiindawo eziphakamileyo zonqulo nakwimifanekiso yebhokhwe neyethole awayeyenzile. 16Kuzo zonke izindlu zikaSirayeli abantu ababezimisele ukulandela uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bemka nabaLevi, baya eJerusalem, ukuze banikele amadini kuNdikhoyo uThixo wooyise. 17Bawomeleza umbuso wakwaJuda, bamxhasa uRehobhowam unyana kaSolomon iminyaka yamithathu, behamba ngeendlela ababehamba ngazo besaphila uDavide noSolomon.
Indlu kaRehobhowam
18URehobhowam wathatha uMahalati intombi yonyana kaDavide uJerimoti kunye noAbhihayili intombi yonyana kaJese uEliyabhi. 19Wamzalela la madodana: uJewushe, uShemariya, noZahama. 20Waphinda wathatha uMaka intombi ka-Abhasalom owazala uAbhiya, uAtayi, uZiza, noShelomiti. 21Ke uRehobhowam wayemthanda gqitha uMahaka lo uyintombi ka-Abhasalom, kuye ebalasele kunabo bonke abafazi bakhe ndawonye namaqadi. Wayenabafazi abalishumi elinesibhozo, amaqadi wona engamashumi amathandathu. Oonyana bakhe babengamashumi amabini anesibhozo, iintombi zingamashumi amathandathu.
22Ke kaloku uRehobhowam wamisela uAbhiya wayeyona nkulu koonyana bakhe ukuze abe ngukumkani esikhundleni sakhe xa engasekho yena. 23URehobhowam wenza ubuchule, oonyana bakhe wabasarhaza kuzo zonke izithili zakwaJuda nakwaBhenjamin, kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo. Wabaxhasa ngokwaneleyo, wabathathela abafazi abaninzi.

Currently Selected:

2 YEZIGANEKO 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy