YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 1

1
Inzala ka-Adam kude kuye kuma kuAbraham
(ZiQalo 5:1-32; 10:1-32; 11:10-26)
1UAdam wazala uSeti, uSeti wazala uEnoshe, 2uEnoshe wazala uKenan, uKenan wazala uMahalaleli, uMahalaleli wazala uJerede, 3uJerede wazala uInoki, uInoki wazala uMethusela, uMethusela wazala uLameki, uLameki wazala uNowa. 4Ke uNowa wazala uShem noHam noYafete.
5Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noJavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi. 6Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma. 7Oonyana bakaJavan: nguElisha, noTashishe, namaKiti, namaRoda.
8Naba oonyana bakaHam: nguKushe, noMizerayim, noPuti, noKanana. 9Oonyana bakaKushe nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan. 10Ke uKushe wazala uNimrodi owaba ligorha lokuqala emhlabeni. 11Nasi isizukulwana sikaMizerayim: ngamaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi, 12namaPatrusi, namaKaseluyi (apho kwaphuma khona amaFilistiya), namaKafto. 13UKanana wazala uSidon owamazibulo, noHeti, 14kunye namaJebhusi, nama-Amori, namaGirgashi, 15namaHivi, nama-Areki, namaSini, 16nama-Arvadi, namaZemari, namaHamati.
17Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUzu, noHuli, noGetere, noMesheki. 18UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uHebhere. 19UHebhere wayenoonyana ababini. Inkulu yabizwa ngokuba nguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahluka-hlukana abemi bomhlaba. Yona inci yayinguJoketan. 20Oonyana bakaJoketan nguAlemodadi, noShelefe, noHazare-mavete, noJera, 21noHadoram, noUzali, noDikela, 22noEbhali, noAbhimayeli, noShebha, 23no-Ofire, noHavila, noJobhabhi. Yonke le ke yinzala kaJoketan.
24Nanku umlibo kaShem: UShem wazala uArpakishadi, uArpakishadi wazala uShela, 25uShela wazala uHebhere, uHebhere wazala uPelege, uPelege wazala uRewu, 26uRewu wazala uSerugi, uSerugi wazala uNahore, uNahore wazala uTera, 27uTera wazala uAbram, lo ukwabizwa ngokuba nguAbraham.
Inzala kaIshmayeli
(ZiQalo 25:12-16)
28Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli. 29Nantsi inzala yabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, ibe nguKedare, noAdebhele, noMibhesam, 30noMishma, noDuma, noMasa, noHadadi, noTema, 31noJeture, noNafishi, noKedema. Yinzala kaIshmayeli ke leyo. 32UAbraham wayeneqadi uKetura owazala oonyana abanguZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa. Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan. 33Oonyana bakaMidiyan nguHefa, noEfere, noHanoki, noAbhida, noElda. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.
Inzala kaEsawu
(ZiQalo 36:1-19)
34UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli. 35Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRuweli, noJewushe, noJalam, noKora. 36Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Oma, noZefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki. 37Oonyana bakaRuweli nguNahati, noZera, noShama, noMiza.
Abantwana bomthonyama base-Edom
(ZiQalo 36:20-30)
38Oonyana bakaSeyire nguLotan, noShobhali, noZibheyon, noAna, noDishon, noEzere, noDishan. 39Oonyana bakaLotan nguHori noHomam. Udade boLotan nguTimna. 40Oonyana bakaShobhali nguAliyana, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaZibheyon nguAya noAna. 41Unyana ka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan, noItran, noKeran. 42Oonyana bakaEzere nguBhilehan, noZavan, noYakane. Oonyana bakaDishan ngu-Uze noAran.
Ookumkani bakwaEdom
(ZiQalo 36:31-43)
43Naba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom phambi kokuba kwaSirayeli kubekho ukumkani olawulayo: NguBhela unyana kaBhehore, okomkhulu laliyiDinabha. 44Akufa uBhela kwangena esikhundleni sakhe uJobhabhi unyana kaZera waseBhozera. 45Akufa uJobhabhi kwangena esikhundleni sakhe uHusham wakummandla wakwaTeman. 46Akufa uHusham kwangena esikhundleni sakhe uHadadi unyana kaBhedadi, owawachitha edabini amaMidiyan kwelamaMowabhi, okomkhulu laliyiHaviti. 47Akufa uHadadi kwangena esikhundleni sakhe uSamla waseMasereka. 48Akufa uSamla kwangena esikhundleni sakhe uShawule waseRehobhoti phezu komlambo iEfrati. 49Akufa uShawule kwangena esikhundleni sakhe uBhali-hanani unyana ka-Akibho. 50Akufa uBhali-hanani kwangena esikhundleni sakhe uHadadi okomkhulu laliyiPawu, omkakhe wayenguMetabheli intombi kaMatredi intombi kaMezabhi.
51Akufa uHadadi yaba zezi izikhulu zakwaEdom: uTimna, uAleva, uYetete, 52uHolibhama, uEla, uPinon, 53uKenazi, uTeman, uMibheza, 54uMagediyeli, noIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 1: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy