YouVersion Logo
Search Icon

1 KUTIMOTI 4

4
Abafundisi bobuxoki
1UMoya uxela ngokucacileyo ukuba kumaxesha ezayo abanye abantu baya kululahla ukholo, balandele imimoya yenkohliso, bathobele iimfundiso zeendimoni. 2Ezo mfundiso ziya kuza nabantu abangamaxoki, abazazela ziphawulwe ngophawu lukaSathana. 3Bayawuchasa umtshato, banqande abantu ekutyeni uhlobo oluthile lokutya. Kambe ke oku kutya kudalwe nguThixo, ekwenzela ukuba kwamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso. 4Kaloku yonke into edalwe nguThixo ilungile. Makungabikho icalulwayo ke, xa yamkelwe ngombulelo. 5Kuba kaloku ngelizwi likaThixo ndawonye nomthandazo, iyamkeleka loo nto kuThixo.
Isicaka esilungileyo sikaYesu Krestu
6Woba usisicaka esikholekileyo sikaYesu Krestu xa uwanika le mfundiso amakholwa. Nawe wokondleka emoyeni ngamazwi okholo nawemfundiso yenyaniso oyilandelayo. 7Wena uze uchasele kude lee kwezo ntsomi zifanele ukwenziwa ngamaxhegokazi. Hlala uzilungiselela inkonzo kaThixo. 8Ewe, umthàmbo owenzelwa ukolula amalungu omzimba unendawo yawo. Kodwa ke uphelele apho. Kanti kona ukukhonza uThixo kunenzuzo egqithileyo, kuba akuthembisi bomi balapha kuphela, kuthembisa nobelizayo. 9Athembekile la mazwi; afanelwe kukwamkelwa ngokupheleleyo. 10Ndithetha ukuthi sisebenza nzima nje sibulaleka kungokuba sibeke ithemba kuThixo ophilayo, onguMsindisi walo lonke uluntu, ingakumbi abo bakholwayo.
11Zigcine, uzibethelele emfundisweni yakho ezi ndawo. 12Musa ukuvuma ukudelwa ngabantu ngenxa yokuba usemncinci. Yiba ngumzekelo kuwo onke amakholwa, ngentetho yakho, ngokuziphatha, ngothando, ngentembeko, nangobunyulu. 13Hlala ubafundela *iziBhalo, ushumayela, ufundisa, ndide ndifike apho. 14Uze ungadlali ngesipho sikaThixo osifumene ngenxa yamazwi awodwa âvela kuThixo xa wawubekwa izandla ngamadoda amakhulu ebandla. 15Zetyise ezi ndawo, ungene nzulu kuzo, ukuze icace kuye wonke ubani inkqubela yakho. 16Yinyamekele into oyenzayo, uyinyamekele nemfundiso yakho. Yithi rhoqo uyigcine le miyalelo, ukuze ngokwenjenjalo usinde, usindise nabo bakuphulaphulayo.

Currently Selected:

1 KUTIMOTI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy