YouVersion Logo
Search Icon

1 KUTIMOTI 2

2
Umthandazo webandla
1Kuqala, ndiqononondisa ndisithi: izicelo, imithandazo, izikhungo, nemibulelo, 2mazenzelwe bonke abantu. Iinkosi nabasemagunyeni bonke mabathandazelwe, ukuze kubekho inzolo noxolo ehlabathini, sihlale ngokoyika nangokuhlonela uThixo. 3Yinto elungileyo nekholekileyo leyo kuThixo, uMsindisi wethu, 4ofuna ukusindisa bonke abantu, baze bafikelele ekuyazini inyaniso. 5Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana, 6owazenza intlawulelo yenkululeko yoluntu luphela. Wayingqinela injongo kaThixo kanye ngexesha elifanelekileyo, ngokwenjenjalo. 7Mna ke ndalathwa ukuba ndibe sisigidimi sokufundisa iintlanga ukholo nenyaniso. Andixoki; ndinyanisile.
8Ngoko ke ngumnqweno wam ukuba imithandazo yenziwe ngamadoda emabandleni onke, ethandaza ephakamise izandla ngeenjongo ezimsulwa, engahambisani neengxabano nomsindo. 9Abafazi bona mabandileke, banxibe ngesidima, bathozame; iinwele bangazihombisi ngokugqithisileyo. Mabangayokozeli ngamaso egolide, nawamatye exabiso, bawunduzelise ngeelokhwe zeendleko. 10Ndaweni yaloo nto mababe nemisebenzi emihle efanele amakhosikazi abanga igama lobuKrestu. 11Umfazi makabe ngumfundi othe cwaka onentobeko. 12Andimvumeli ukuba abe ngumfundisi; andithandi nokuba aphathe amadoda; hayi, makathi cwaka. 13Andithi kanene nguAdam owadalwa kuqala, kwaza kwalandela uEfa? 14AsingoAdam owakhohliswayo, yaba ngumfazi owavuma inkohliso, waza wawa esonweni. 15Kambe ke wosindiswa ngokuzala ukuba uthi rhoqo ukuhlala elukholweni, nothando, nobungcwalisa, ezinzile ngengqondo.

Currently Selected:

1 KUTIMOTI 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy