YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASETESALONIKA 3

3
1Ngoko ke ndithe ndakuqonda ukuba akunyamezeleki, ndabona ukuba mandisale ndedwa apha eAtene, 2ndimthumele kuni uTimoti ongugxa wam kumsebenzi kaThixo wokushumayela iindaba ezimnandi ezingoKrestu. Ndimthumela ukuze anikhuthaze nime ngxishi elukholweni, 3ningagungqiswa nto naxa nitshutshiswa. Njengoko nisazi, ezo ntshutshiso zisisabelo sethu kaloku. 4Ndatsho kuni oko bendiphakathi kwenu ukuthi simelwe kukubuva ubunzima. Kwenzeke kanye loo nto ke ngoku, njengoko nisazi. 5Ndakungabi nakunyamezela ke ndithumele uTimoti ukuba akhe eze kuqonda ngombandela wokholo lwenu, hleze kuthi kanti unihendile uSathana, ndize mna ndibe ndifane ndabulaleka ndisebenza.
6Ngoku uTimoti usandul' ukufika evela apho kuni eTesalonika, esiza neendaba ezindonwabisayo, endixelela ngokholo nangothando eninalo. Uthi nisoloko nineengcinga ezintle ngam; yaye uthi nani ninqwenela ukundibona kwanjengokuba ndinqwenela ukunibona nam. 7Kuzo zonke ke ngoko iinkxwaleko neenzingo zam, ukholo lwenu, mawethu, luyandikhuthaza. 8Kaloku ikukuphila kum into yokuba nina nihlale nithe zinzi nimanywe neNkosi. 9Ndingambulela ndithini uThixo ngenxa yenu? Ndingambulela ndithini ngenxa yolonwabo enindenzele lona? 10Imini nobusuku ndihleli ndithandaza ngenyameko, ndicela ukuba ze ndibuye ndibonane nani, ndize ndilulungise ukholo lwenu apho lulambatha khona.
11Wanga uThixo uYise ngenkqu, ekunye neNkosi uYesu, angayenza mhlophe indlela yam xa ndizayo apho kuni! 12Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna. 13Ngamana iNkosi inganomeleza ngolu thando, ukuze xa nimi phambi koThixo uYise, nifunyanwe ninyulu, ningenabala ekufikeni kweNkosi uYesu, inabo bonke abo bamanywe nayo.

Currently Selected:

1 KWABASETESALONIKA 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy