YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASETESALONIKA 2

2
Umsebenzi kaPawulos eTesalonika
1Nazi ngokwenu, mawethu, ukuba undwendwelo lwethu phakathi kwenu alubanga lilize konke-konke. 2Emva kokuphathwa gadalala sinyeliswa nokunyeliswa eFilipi seza kuluphalaza kuni udaba lweendaba ezimnandi zikaThixo, singafihlisi, singenalo noloyiko, siphiwa amandla nguThixo wethu. Yaba ngumzamo onzimakazi lowo. 3Ewe kambe, ukushumayela kwam akuzanga kusekelwe ngabuxoki, kungazanga kwaba nazinjongo ziphuthileyo, ndaye ndingazanga ndalinga nakukhohlisa bani. 4Koko ndityunjwe nguThixo nje, ndakufanela nokuphathiswa iindaba ezimnandi, ndisuka ndithethe ngezinto eziphathelele kwezo ndaba. Andizicengezeli mntwini, ndizicengezela kuThixo kuphela, yena ohleli ezazi iingcinga zethu. 5Niyazi kakuhle ukuba bendingankwalambisi ukuthetha nani. UThixo uyazi ukuba ukunyoluka bendingakwambesi ngentetho emnandi. 6Bendingakuhoye nganto ukudunyiswa ngabantu, nditsho nani, nabani na. 7Bendinako kambe ukunisinda ngesithinzi kuba *ndingumthunywa kaKrestu ngenkqu, koko ndisuke ndambuna kuni, ndaba yindlezana ibungezela iintsana zayo. 8Bendinithanda kangangokuba andanelanga nje kukunishumayeza ngeendaba ezimnandi zikaThixo, koko ndazinikela mna siqu ngenxa yenu. Bendinithanda ke khona! 9Khanikhumbule, mawethu, indlela ebesisebenza nzima ngayo sibulaleka. Besisebenza ubusuku nemini, sisebenzela ukuzixhasa, size singabi ngomthwalo mntwini, lo gama sinishumayezayo ngeendaba ezimnandi zikaThixo.
10Niyangqina nani, nditsho noThixo ngenkqu ulingqina ngendlela ebendihlala ngayo ndikholekile, ndililungisa, ndingabekwa bala phakathi kwenu makholwa. 11Niyazi ukuba bendinjengoyihlo kuni nonke ngabanye. 12Bendinithundeza nakutyhafa, ndiniluleka, ndiniyala ukuba nihlale ngendlela emanelisayo uThixo onibizela ewongeni kulawulo lwakhe.
13Nasi esinye isizathu esibanga ukuba ndingaphezi ukumbulela uThixo: nathi sakuba siniphathele udaba lukaThixo, nalwamkela. Analwamkela ngokodaba nje lwabantu, koko nalwamkela njengoko lunjalo, lulilizwi likaThixo elisebenzayo kuni nina nikholwayo. 14Nani mawethu, niphatheke ngohlobo awayephatheke ngalo amabandla akwaJuda, abantu bakaThixo abamanywe noYesu Krestu. Nani nitshutshiswa ngamawenu kanye ngalaa ndlela bona babetshutshiswa ngayo ngamaJuda, 15lawo ayibulalayo iNkosi uYesu *nabashumayeli, nathi ngokwethu asigxotha. Lawo ke ngamaJuda angayikhathalelanga intando kaThixo, aziintshaba zoluntu. 16Nathi asithintela, engafuni sithethe neentlanga sizikhokelele elusindisweni. Ngokwenjenje ke ayizalisile ibhekile yezono zawo. Kungokunje ingqumbo kaThixo iphezu kwawo.
UPawulos unqwenela ukubatyelela kwakhona
17Thina ke, mawethu, sithe sakuba sahlukene nani okomzuzwana – phofu ngembonakalo, hayi ngeentliziyo – sanxuba sinqwenela ukuphinda sinibone. 18Sazama ukuza apho eTesalonika – ewe, kanye mna Pawulos akukanye ndizama – kodwa uSathana uxabile endleleni. 19Kaloku ekubuyeni kweNkosi yethu uYesu, xa simi phambi kwayo, asinathemba naluvuyo naqhayiya ngaphandle kwenu! 20Ewe, ngenene nini nedwa ibhongo novuyo lwethu!

Currently Selected:

1 KWABASETESALONIKA 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy