YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 8

8
AmaSirayeli afuna ikumkani
1Ke kaloku uthe uSamweli akwaluphala wamisela oonyana bakhe baba ziinkokheli zamaSirayeli. 2Unyana omkhulu wayenguJoweli, omncinci inguAbhiya. Babeziinkokheli eBheshebha. 3Kambe ke bona babengamfuzanga uyise; bona babesemva kwenzuzo ngobuqhetseba, bengamathanda-kunyotywa, belamla ngesheyi.
4Amadoda amakhulu ke akwaSirayeli aqokelelana, aya kutsho eRama kuSamweli, 5afika athi kuye: “Sewaluphele wena ngoku, yaye noonyana bakho abakufuzanga mpela. Ngoko ke sityumbele ukumkani, khon' ukuze nathi sifane nezinye izizwe, sibe nokumkani osilawulayo. ”
6Samngena kakubi uSamweli isicelo sabo sokufuna ukumkani. Wabhenela *kuNdikhoyo, 7waza wathi kuye uNdikhoyo: “Bek' iindlebe uyiphulaphule into abayithethayo aba bantu. Ababukuli wena; ndim lo bangamfuniyo ukuba abalawule. 8Okoko ndaphuma nabo eJiputa, kude kube namhlanje, basoloko bendifulathela bekhonza thixo bambi; nangoku basayenza loo nto! 9Siphulaphule isicelo sabo, kodwa uze ubaqononondise ibacacele impatho abaya kuyifumana kwabo kumkani babafunayo.”
10USamweli wawaxelela ke amaSirayeli awayefuna ukumkani konke okwathethwa nguNdikhoyo, 11wathi: “Ukumkani oya kunilawula uya kwenjenje: Woseka umkhosi ngoonyana benu. Abanye wobenza umkhosi weenqwelo, abanye babe ngumkhosi okhwela amahashe, abanye bagijime ngaphambi kwenqwelo yakhe. 12Abanye boba ngabaphathi-mabutho, abanye babe ngabaphathi-maqela, abanye balime amasimi akhe, bavune nokuvuna, kubekho nabo baxhonkxa izikhali zokulwa kunye nezixhobo zeenqwelo zakhe. 13Iintombi zenu wozenza zibe ngabaqholi nabapheki nababhaki bakhe. 14Awona mahle amasimi enu, izidiliya, namabhoma eminquma, ukumkani wowahlutha awanike amaphakathi akhe. 15Wobiza isahlulo sesishumi sengqolowa nediliya yenu, ayinike amagosa akhe. 16Izicaka nezicakakazi zenu, neenkabi zenu, ezona zintle, kwakunye needonki zenu, wozithimba zisebenzele yena. 17Isishumi semihlambi yenu wofuna siye kuye; lilonke niya kuba zizicaka zakhe. 18Nakuba nimfumene kwanina niya kumkhalazela loo kumkani nimtyumbileyo. Ke yena uNdikhoyo akayi kuba saniphulaphula.”
19AmaSirayeli akazange amphulaphule uSamweli, suka athi: “Hayi, sifuna ukulawulwa ngukumkani thina. 20Xa kunjalo sofana nazo zonke ezinye iintlanga, sibe nokumkani osikhokelayo nasemfazweni.”
21Wayiphulaphula yonke loo ntetho yabo uSamweli, waza waya kuyithetha ezindlebeni zikaNdikhoyo. 22UNdikhoyo waphendula wenjenje: “Kulungile ke, banike ukumkani.”
USamweli ke uthe kumaSirayeli: “Makhe nigoduke, madoda.”

Currently Selected:

1 KASAMWELI 8: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy