YouVersion Logo
Search Icon

1 KASAMWELI 3

3
UNdikhoyo uzityhila kuSamweli
1Ke kaloku umfana uSamweli wayekhonza *kwaNdikhoyo phambi koEli. Ngaloo mihla udaba oluvela kuNdikhoyo lwalunqabile, kungekho mntu unemibono ivela kuye. 2UEli wayenorhatyazo emehlweni kangangokuba wayebona luzizi. Ngabusuku buthile uEli wayelele endaweni yakhe, 3uSamweli yena elele endlwini kaNdikhoyo apho kwakugcinwa khona ityesi yomnqophiso. Kwathi ekuzeni kokusa, isibane sisavutha, 4uNdikhoyo wavakala ebiza uSamweli.
Wasabela uSamweli esithi: “Ndim lo, mhlekazi!” 5Wakhawuleza waya kuEli, wafika wathi: “Ndim lo; ubundibiza.”
Wathi yena uEli: “Hayi, yiya kulala, mfo wam; andikhange ndikubize.” Waya kulala ke.
6UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli. Wavuka ke umfana, waya kwakuEli, wathi: “Mhlekazi, uyandibiza. Ndim lo!”
Kambe yena uEli wathi: “Hayi, andikubizanga; yiya kulala, mfo wam.”
7Phofu umfana lo yena wayengekamazi uNdikhoyo; kaloku uNdikhoyo wayengekazityhili kuye ngelizwi lakhe.
8UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli isihlandlo sesithathu. Wavuka uSamweli, waya kwakuEli, wafika wathi: “Ndim lo, mhlekazi; ubundibiza.”
Waqonda ngoku uEli ukuba nguNdikhoyo lo umana ebiza lo mfana. 9Wathi uEli kuye: “Hamba wena, yiya kulala. Xa ubuye weva ubizwa, uze uthi: ‘Thetha, Ndikhoyo; isicaka sakho siphulapule.’ ” Waya kulala ke uSamweli emandlalweni wakhe.
10Waza uNdikhoyo weza wema apho, wabiza kwakhona esithi: “Samweli! Samweli!”
Wasabela uSamweli wathi: “Thetha; siphulaphule isicaka sakho.”
11Wathi ke uNdikhoyo kuSamweli: “Uyabona, ndiza kwenza into kwaSirayeli eya kutsho zithi nzwii iindlebe zabantu bonke abaya kuyiva. 12Umlomo wam ngomzi kaEli ndiza kuwufezekisa ngaloo mini, ndisuse ekuqaleni ndise esiphelweni. 13Phofu ke sendimxelele ukuba umzi wakowabo ndiza kuwohlwaya ngokupheleleyo ngenxa yesono asaziyo soonyana bakhe. Kaloku oonyana bakhe balinyelisa igama lam, waza yena akabakhalimela. 14Ke ngoko ndifunge ndathi kumzi kaEli: ‘Akukho dini namnikelo uya kuze ube nako ukulicamagushela ityala lakho.’ ”
15USamweli wangqengqa kwada kwasa. Uthe akuvuka, wavula iingcango zendlu yakwaNdikhoyo. Woyika ukubalisela uEli ngombono wakhe. 16Ke kaloku uEli wambiza uSamweli, wathi: “Samweli, mfo wam!”
Waphendula uSamweli wathi: “Ndim lo!”
17Wambuza esithi: “Lizwi lini na eli uNdikhoyo alithethe kuwe? Musa ukundifihlela; ndixelele. UThixo uya kuba nento yokwenza nawe ukuba akundixeleli into yonke ayithethileyo.”
18Wachaza konke ke uSamweli, akafihla nto. Watsho wathi uEli: “Nguye uNdikhoyo; makenze loo nto abona ukuba ifanele ukwenziwa.”
19Waya ekhula uSamweli, uNdikhoyo enaye, zaza nezinto ezathethwa nguSamweli zazalisekiswa. 20AmaSirayeli, ukususela eDan kuye eBheshebha, aqonda ukuba uSamweli *wayengumshumayeli onyanisekileyo kaNdikhoyo. 21UNdikhoyo ke wathi rhoqo ukuvela eShilo, apho wazityhila khona ngezwi lakhe kuSamweli.

Currently Selected:

1 KASAMWELI 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy