YouVersion Logo
Search Icon

1 KAPETROS 4

4
Ubomi obutsha
1Njengoko noKrestu wamelanayo nale ntlupheko yalo mhlaba, ngokunjalo ke nani zimiseleni, nifuze yena. Kaloku umntu ocikidiweyo yintlupheko uyalumleka esonweni, 2aze athi ke ngexesha asenalo emhlabeni angaphileli ukwanelisa iminqweno yesimo esidala, koko aphilele ukwenza oko kuthandwa nguThixo. 3Ngoko ke lanele elaa xesha nilidlele ebuhedenini. Kaloku ngoko naningooandikhathali, nibawa, ninxila, nithanda iziyunguma; naningamakhoboka embarha; naninqula ngendlela elisikizi. 4Oontangandini ngoku bathe nqa kuba ningasahambi nabo kobo bundlobongela bokuzibhubhisa. Yiyo le nto baninyelisayo. 5Kambe ke baseza kunika ingxelo kulowo uhlalele ukugweba abahleliyo nabafileyo. 6Naso isizathu esabangela ukuba iindaba ezimnandi zishunyayelwe nakwabo bafileyo ngoku. Ewe, zashunyayelwa nakwabo babegwetyiwe njengamntu wonke, khon' ukuze ngokoMoya baphilele uThixo.
Ukusebenzisana
7Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza. 8Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono. 9Belezelanani ningenasikrokro. 10Umntu onikwe isiphiwo esithile nguThixo makasisebenzise ekuncedeni abanye, njengegosa lokwaba isisa sikaThixo esintlobo-ntlobo. 11Oshumayelayo makamele uThixo. Oncedisayo makancedise ngamandla awaphiwa nguThixo. Zonke izinto zenzeleni ukuze kunconywe uThixo ngenxa kaYesu Krestu. Kaloku sesakhe isidima namandla nanini nanini. *Amen.
Ukutshutshiswa komKrestu
12Zihlobo zam, sanukumangaliswa yile ngcinezelo ingaka niphantsi kwayo, ngokungathi nibona umhlola. 13Ndaweni yaloo nto vuyani kuba nani ninenxaxheba kwingcinezelo kaKrestu; nto leyo iya kunenza nichulumache ngakumbi ngomhla wokubonakala kobungangamsha bakhe. 14Nithamsanqelekile ukuba niyathukwa ngenxa yokuba ningabakaKrestu. Kaloku loo nto icacisa ukuba uMoya osinika isidima, onguMoya kaThixo, unifukamele. 15Xa nibandezeleka makungabi ngenxa yobugwinta, ukûba, ubuqili, okanye ukuphixanisa. 16Kodwa ke ukuba umntu ubandezeleka kuba engumKrestu, makangabi nazintloni, koko makadumise uThixo ngenxa yelo gama.
17Kaloku lifikile ixesha lokuba umgwebo uqale; ibe ke uza kuqala endlwini kaThixo ngenkqu. Ukuba ke uqala kuthi, soba yintoni ke isiphelo sabo bangavumiyo ukuzithobela iindaba ezimnandi zikaThixo? 18Njengoko *neziBhalo zisithi:
“Nelungisa eli lisindiswa nzima.
Kobeka phi ke kumqhankqalazi nomoni?”
19Ngoko ke abo babandezeleka kuba uThixo ethanda, mabazinikele ngokupheleleyo ngemisebenzi emihle kuMdali wabo, kuba usoloko ethembekile.

Currently Selected:

1 KAPETROS 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy