YouVersion Logo
Search Icon

1 KAPETROS 2

2
Ilitye eliphilayo nesizwe esinyulu
1Ngoko ke yahlukanani nazo zonke ezi zinto: uchuku, inkohliso, ukuzenzisa, nomona, nako konke ukuphixanisa! 2Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe. 3“Kaloku senibungcamle ububele beNkosi,” njengoko *neziBhalo zisitsho kakade.
4Yizani eNkosini! Kaloku yona lilitye eliphilayo eladelwayo ngabantu; kambe ke lichongiwe, laye lixabisekile kuThixo. 5Yizani kaloku nani nibe ngamatye okwakha indlu kaMoya, khon' ukuze nibe ngababingeleli abanyulu bokwenza amadini kaMoya, amkelekileyo kuThixo ngenxa kaYesu Krestu. 6Kaloku iziBhalo zithi:
“Ndikhethe ilitye elixabisekileyo.
Lilitye lesiseko endilibeka eZiyon.
Nabani na ozinikelayo kuye akayi kudana.”
7Kuni, nina bazinikeleyo, eli litye lixabisekile, kodwa kwabo bangakholwayo:
“Kanye elo litye bâlideláyo abakhi
suke laba lelona libalulekileyo lesiseko.”
8Lona:
“Lilitye elikhubekisayo,
ulwalwa olutyibilikisayo.”
Kaloku bayakhubeka kuba bengalithobeli ilizwi; phofu ke bamiselwe loo nto kakade.
9Kambe ke nina niluhlanga olukhethekileyo, ababingeleli basebhotwe, isizwe esinyulu, imilowo yakwaThixo. UThixo unikhethele ukuze nivakalise isidima nesihomo sakhe. Kaloku wanibiza nisebumnyameni, wanizisa ekukhanyeni okumangalisayo. 10Ngoku nilusapho lukaThixo, nangona nanikade ningelulo; benikade nikude nenceba yakhe, kodwa ngoku niyifumene.
Isimilo somntu okholwayo
11Ndiyanibongoza, zihlobo zam, kaloku niziimbacu nabaphambukeli kweli lizwe! Ngoko ke phikisanani nayo iminqweno yesimo senu esidala. Kaloku yona ilwa nani ziqu. 12Izimilo zenu mazibe zihle kangangokuba nabahedeni baniqonde ukuba aninabala. Xa kunjalo ke baya kuthi nokuba bayanityhola ngokungcola, babuye bavume ukuba nimsulwa. Ngaloo ndlela ke baya kumdumisa uThixo ngomhla wokufika kwakhe.
13Ngenxa yeNkosi wathobeleni onke amagunya akhoyo. Ukumkani mthobeleni njengowongamileyo, 14nerhuluneli njengomphathiswa wakhe wokohlwaya abonayo, ancome abo balungisayo. 15Kaloku uThixo ufuna ukuba nithi ngenxa yezimilo ezihle nibatsho basikwe umlomo abo bangaqondiyo, ndawonye nezibhanxa. 16Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo. 17Hloniphani wonke umntu; wathandeni amakholwa, nimoyike uThixo, nimthobele osemagunyeni.
Umzekelo esiwunikwe nguKrestu
18Nina zicaka, bahlonipheni abo baniqeshileyo, nibathobele kangangoko. Le nto ke sanukuyenza kwabo banobubele nobuntu kuphela, koko yenzeni nakwabo bakhohlakeleyo. 19Kaloku uThixo uyamthamsanqelisa umntu onyamezela ingcinezelo engonanga, kuba elangazelela okuthandwa nguThixo. 20Ewe, kaloku umntu akafumani nqaku xa enyamezela isohlwayo ngenxa yesono asenzileyo. Kodwa ke ukuba ùnyamezela ukuphatheka kabuhlungu naxa ungenzanga bubi, uThixo ungakuwe. 21Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe. 22Yena zange one, engazange wakhohlisa. 23Naxa wayengcikivwa wayengaphindisi angcikive. Ngexesha lokuphatheka kabuhlungu akazange aqalekise, koko imeko yakhe wayinikela kulowo ugweba ngobulungisa. 24Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe. 25Nanilahlekile njengeegusha, kambe ke ngoku nibuyiselwe kuMalusi wenu onikhathaleleyo.

Currently Selected:

1 KAPETROS 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy