YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 4

4
Iziphathamandla zikaSolomon
1Ke kaloku uSolomon wayelawula uSirayeli ewonke jikelele.
2Nazi izinxiba-mxhaka zakhe:
UAzariya unyana kaZadoki – umbingeleli;
3uElihorefe noAhiya oonyana bakaShisha – oonobhala;
uJoshafati unyana ka-Ahiludi – usiba-khulu;
4uBhenaya unyana kaJoyada – injengele;
uZadoki noAbhiyatare – ababingeleli;
5uAzariya unyana kaNatan – umaqhuzu kubalawuli bezithili;
uZabhude unyana kaNatan – umbingeleli nomcebisi kakumkani;
6uAhisha – umaqhuzu wasebhotwe;
uAdoniram unyana ka-Abheda – induna-nkulu yabasebenzi abasebenza ngokunyanzelwa.
7USolomon ke wayenabalawuli-zithili abalishumi elinambini apho kuSirayeli ephela. Bona ke babexhasa ukumkani nekomkhulu ngokudla. Kunyaka ngamnye isithili sasithatha inyanga yonke sixhasa. 8Nanga amagama abo:
Kumhlaba weenduli zakwaEfrayim yayinguBhen-yuri;
9eMakaze, eShalabhim, eBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan yayinguBhen-dekere;
10eArubhati (iSoko nayo yonke imimandla yaseHefere) yayinguBhen-rhesedi;
11eNafoti-dore yayinguBhen-abhinadabhi, umyeni kaTafati intombi kaSolomon;
12eTanaki, naseMegido, neBhete-shan xa iyonke malunga neZaretan ngezantsi kweYizereli, ukusuka eBhete-shan ukuya eAbhele-mehola ngaphesheya kweYokemeyam, yayinguBhanaya unyana ka-Ahiludi;
13eRamoti yaseGiliyadi (leyo yimimandla kaJayire unyana kaManase eGiliyadi ngokunjalo nezithili zaseAgobhi eBhashan nezo zixeko zayo zimashumi mathandathu zikhulu kunene zibiyelweyo, ezinamasango nemivalo yobhedu) yayinguBhen-gebhere;
14eMahanayim yayinguAhinadabhi unyana kaIdo;
15kwaNafetali yayinguAhimazi umyeni kaBhasemati intombi kaSolomon;
16kwa-Ashere naseAloti yayinguBhayana unyana kaHushayi;
17kwaIsakare yayinguJoshafati unyana kaParuwa;
18kwaBhenjamin yayinguShimeyi unyana kaEla;
19eGiliyadi (kuloo mhlaba kaSihon ukumkani wama-Amori, kunye nomhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan) yayinguGebhere unyana kaUri; yena wayeyedwa kweso sithili.
Ukutya kwakomkhulu
20Ke kaloku abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli babebaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; babonwabile besitya besela. 21Ke yena uSolomon wazilawula zonke izikumkani ukusukela kumlambo iEfrati ukuya kuthi xhaxhe ngelamaFilistiya, aye kuthi xhaxhe kumda waseJiputa. Xa zizonke ke ezo zizwe zaziphantsi koSolomon, zinikela imirhumo kuye bonke ubomi bakhe.
22Isixhaso sakwaSolomon semini nganye yayingamawaka amahlanu eelitha zeflawa ecolekileyo, neshumi lamawaka eelitha zomgubo wengqolwa; 23ishumi leenkabi zeenkomo ezityetyisiweyo, namashumi amabini eenkomo ezondliwa emadlelweni; ikhulu leegusha, ngaphandle kwamanxala namabhadi namanqa neenkuku zodidi.
24Kaloku uSolomon wayelawula zonke izikumkani ezikwintshona yomlambo iEfrati, ukusuka eTisa ukuya eGaza, kuyinzolo macal' onke. 25Ngexesha likaSolomon uJuda noSirayeli xa ewonke, ukusuka kwaDan kuye kuthi xhaxhe ngeBheshebha, wayehleli ekhuselekile, umntu ngamnye enesidiliya namakhiwane.
26USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yamahashe eenqwelo kunye neshumi elinambini lamawaka amahashe. 27Abalawuli bezithili yayingulowo nalowo enenyanga yakhe, bexhasa ukumkani uSolomon ngokudla okwakutyiwa ngabo bonke abalapho kwisithebe sakomkhulu. Babexhasa kungabikho nto ilambathayo. 28Kananjalo babezisa isixhaso samahashe eenqwelo nesamanye, basibeke endaweni yaso; leyo ke yayiyihabile kunye nengca.
Ubulumko bukaSolomon
29UThixo wanika uSolomon ubulumko nengqondo egqithisileyo, nolwazi oluphangaleleyo olungenakulinganiswa oku kwentlabathi yaselunxwemeni. 30Ubulumko bukaSolomon babugabadele kunobulumko babo bonke abantu basempuma, kananjalo buthe kratya kubulumko bonke bamaJiputa. 31Ngobulumko wayebagqwesa bonke abantu, kananjalo noEtan umEzra – ethe kratya kunoHeman, uKalkoli, noDarda oonyana bakaMaholi. Udumo lwakhe ngobulumko lwanwenwela kuzo zonke izizwe ezijikelezileyo. 32Wenza izafobe ezingamawaka amathathu; waqamba iingoma eziliwaka elinesihlanu. 33Imithi nezityalo wayichaza, esusela kumsedare waseLebhanon, waya kuthi xhaxhe ngehisophu enaba ezindongeni. Wafundisa nangezilwanyana, iintaka, nezilo ezirhubuluzayo, kwaneentlanzi. 34Ewe, kuSolomon kwakusiza abantu beentlanga zonke, bethunyelwa zizikumkani zehlabathi liphela, ukuze baziphulaphulele ubulumko bakhe obabungundaba-mlonyeni.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy