YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 22

22
UMika ulumkisa uAhabhi
(2 Gan 18:2-27)
1Kwaba yiminyaka emithathu iluxolo phakathi kwamaSirayeli nama-Aram. 2Kambe ke kulo nyaka wesithathu uYoshafati ukumkani wakwaJuda wehla waya kubonana nokumkani wakwaSirayeli. 3Ukumkani wakwaSirayeli wayethethe namaphakathi akhe wathi: “Niyaqonda na ukuba iRamoti yaseGiliyadi ngumhlaba wethu, ibe ke asenzi nto ukuzabalazela ukuyithatha kukumkani wama-Aram?”
4Ngoko ke wathi kuYoshafati: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”
UYoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.” 5Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”
6Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabaqokelela abashumayeli bekwisithuba samakhulu amane, wathi: “Ndingaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”
Bathi: “Yiya; uNdikhoyo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”
7Kambe ke uYoshafati wathi: “Akusekho mshumayeli kaNdikhoyo na apha esinokubuza kuye?”
8Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.”
UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”
9Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza elinye lamaphakathi akhe, wathi kulo: “Khawuleza uze noMika, unyana kaImla.”
10Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda babevethe ezobukhosi, bengqendeve ezihlalweni zabo esandeni sokubhula esikufuphi nesango laseSamariya, belapho phambi kwâbo bashumayeli. 11Ke uZedekiya, unyana kaKenana, wayenze iimpondo ngentsimbi, waza ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngezi mpondo ùya kuwahlaba uwatshabalalise ama-Aram.’ ” 12Nabanye ke abashumayeli bashumayela kwaloo nto, besithi: “Phakathi! Yihlasele iRamoti yaseGiliyadi. Uza kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani.”
13Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”
14UMika ke yena wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ndiza kuthetha kuphela loo nto andixelela yona uNdikhoyo!”
15Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”
UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani!”
16Ukumkani wathi kuye: “Koda kube kangaphi ndikufungisa ndisithi musa ukundixelela nto yimbi ngaphandle kwenyaniso egameni likaNdikhoyo?”
17UMika wathi: “Ewe, uSirayeli ndimbone ethe saa ezintabeni, engathi ziigusha ezingenamalusi; waza uNdikhoyo wathi: ‘Aba bantu abanankosi, ngoko ke elowo nalowo makagoduke ngoxolo.’ ”
18Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Bendingatshongo na kuwe ukuba lo mfo akaze ashumayele nto intle ngam, koko zezimbi zodwa!”
19Ke uMika waqhuba wathi: “Ngoko ke liveni ilizwi likaNdikhoyo. UNdikhoyo ndimbone ehleli esihlalweni sakhe, ephahlwe ngumkhosi wonke wasezulwini, umi ngasekunene nangasekhohlo kwakhe. 20Waza ke yena wathi: ‘Yaz' ukuba ngubani na oya kulukuhla uAhabhi aze ahlasele iRamoti yaseGiliyadi, khon' ukuze afele khona?’ Omnye uthethe ngolu hlobo, waza ke omnye wathetha ngoluya. 21Ekugqibeleni ke kuvele moya uthile, wema phambi koNdikhoyo, wathi: ‘Ndiya kumlukuhla mna.’ 22‘Uya kumlukuhla kanjani?’ ubuzile uNdikhoyo. Umoya lowo uthe: ‘Ndophuma ndiye ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abashumayeli.’ Waza ke uNdikhoyo wathi: ‘Hamba ke, wenjenjalo; uya kuphumelela ekumlukuhleni.’ 23Ke ngoku uNdikhoyo ufake umoya wobuxoki emilonyeni yabo bonke aba bashumayeli bakho. Ewe, uNdikhoyo ukumisele intlekele.”
24Wasuka ke uZedekiya unyana kaKenana waya kuMika, wafika wamqhwaba ngempama, wathi: “Ugqithe phi na kum loo moya kaNdikhoyo ukuba aye kuthetha kuwe?”
25UMika wathi: “Loo nto uya kuyiqonda mhla waya kuzimela kwigumbi elingaphakathi.”
26Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Mthatheni uMika lo, nimse kuAmon usibonda wesixeko noYowashe unyana kakumkani, 27nithi: ‘Utsho ukumkani ukuthi: Valelani lo mfo entolongweni, angatyi nto ngaphandle komxheshwana wesonka namanzi, ndide ndibuye ndiphilile.’ ”
28Ke uMika wathi: “Ukuba ngaba ungabuya uphilile, woba uNdikhoyo engathethanga ngomlomo wam.” Waza ke wongezelela ngelithi: “Wagqaleni la mazwi xa ninonke, bantundini!”
Ukufa kuka-Ahabhi
(2 Gan 18:28-34)
29Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda benyuka baya eRamoti yaseGiliyadi. 30Ukumkani wakwaSirayeli wathetha noYoshafati, wathi: “Mna ndiza kungena kweli dabi ndinxibe ngendlela eya kundenza ndingaqondakali ukuba ndingukumkani, kodwa ke wena nxiba ezobukhosi.” Ke ukumkani wakwaSirayeli wazenza mntu wumbi, waza ke waya apho edabini.
31Ke ukumkani wama-Aram waziyalela iingqwayi-ngqwayi zeenqwelo zakhe ezingamashumi amathathu anambini, wathi: “Ze ningalwi naye nawuphi na omnye umntu, nokuba ngomncinci, nokuba ngomkhulu, yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.”
32Zithe ke iingwayi-ngwayi zeenqwelo zakubona uYoshafati, zacinga zathi: “Ngenene, nguye lo ukumkani wakwaSirayeli.” Ngoko ke zaphethuka zafunzela kuye, kodwa uYoshafati wasuka wakhala, 33zaza iingqwayi-ngqwayi ezo zaqonda ukuba akunguye ukumkani wakwaSirayeli, zayeka ukumsukela.
34Kambe ke joni lithile lasuka lajolisa nje ngokungakhathali ngotolo, suka lachana ukumkani wakwaSirayeli, utolo lwangena ekudibaneni kwezikhuselo awayezinxibile. Ukumkani wathetha nomqhubi wenqwelo yakhe, wathi: “Bandingxwelerhile; yijike inqwelo, siphume edabini.” 35Idabi laqhuba ke yonke loo mini, waye ukumkani exhaswe enqwelweni yakhe, ejongise ngakuma-Aram. Igazi elalimpompoza kwelo nxeba lakhe lada lathi gwantyi phantsi apho enqwelweni, waza ke xa kuhlwayo wafa. 36Kwathi xa lithi ndithenge, kwavakala umyalelo kwalapho emkhosini usithi: “Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!”
37Waba ke ngaloo ndlela ukumkani wakwaSirayeli uyafa. Waza ke wasiwa eSamariya, wangcwatyelwa khona. 38Loo nqwelo wayekuyo yahlanjwa kwichibi elithile apho eSamariya (kwelo chibi ke kwakuhlambela kulo amahenyukazi). Ke zona izinja zalixhapha elo gazi lakhe ngokwelizwi awayelithethile uNdikhoyo.
39Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahabhi nezenzo zakhe, nelo bhotwe walakhayo walihombisa ngamabamba eendlovu, kunye nezixeko awazinqabisayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli. 40UAhabhi waya kuphumla kooyise, waza ke unyana wakhe uAhaziya waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
UYoshafati ukumkani wakwaJuda
(2 Gan 20:31 – 21:1)
41Ke kaloku uYoshafati unyana ka-Asa waba ngukumkani kwaJuda kunyaka wesine uAhabhi engukumkani wakwaSirayeli. 42Ukuqala kwakhe ukulawula wayeneminyaka emashumi mathathu nantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mabini anantlanu. Unina yayinguAzubha intombi kaShili. 43Ngako konke yena wahamba ekhondweni likayise uAsa, akanxaxha konke. Ewe, wayesenza okulungileyo emehlweni *kaNdikhoyo. Kambe ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zitshitshiswe; abantu bawaqhubela phambili amadini ababewenza khona ndawonye neziqhumiso. 44UYoshafati wayeseluxolweni nokumkani wakwaSirayeli.
45Ezinye zeziganeko zolawulo lukaYoshafati, nempumelelo yakhe, neemfazwe awazilwayo, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 46Into awayitshitshisayo elizweni lakhe zizibingelelo zamahenyu angamadoda, ezazisekho nasemva kolawulo lukayise uAsa. 47Ke kaloku kwaEdom kwakungekho kumkani, koko kwakuphethe ibamba.
48UYoshafati wakha iqela leenqanawa zokurhweba, ukuze ziye eOfire, zifune igolide. Kambe ke zange zide zihambe, kuba zazisuka zitshone e-Eziyon-gebhere. 49Ngelo xesha ke uAhaziya unyana ka-Ahabhi wathetha noYoshafati, wathi: “Khawuvumele amadoda am ahambe ngeenqanawa kunye nala wakho.” Kodwa ke wala uYoshafati.
50Ke uYoshafati waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide ukhokho wakhe. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uYoram.
UAhaziya ukumkani wakwaSirayeli
51Ke kaloku uAhaziya unyana ka-Ahabhi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya kunyaka weshumi elinesixhenxe uYoshafati engukumkani wakwaJuda, waza ke walawula kwaSirayeli iminyaka emibini. 52Wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba wasuka wahamba ekhondweni likayise nonina, nasezindleleni zikaJerobhowam unyana kaNebhati owalukuhlela uSirayeli esonweni. 53Wakhonza uBhali, equbuda kuye, wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli kwanjengokuba wenzayo noyise.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy