YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 12

12
USirayeli uvukela uRehobhowam
(2 Gan 10:1 – 11:4)
1Ke kaloku uRehobhowam waya eShekem, kuba onke amaSirayeli ayeye khona ukuze ammisele abe ngukumkani. 2Uthe ke akuyiva loo nto uJerobhowam unyana kaNebhati, wasuka wabuya apho eJiputa – kaloku wayeseJiputa oko wayebaleke ukumkani uSolomon. 3Ewe, bamthumelela uJerobhowam, waza ke yena nebandla likaSirayeli liphela baya kuRehobhowam, bathi kuye: 4“Uyihlo wabeka idyokhwe enzima phezu kwethu. Kambe ke wena xa unokuwenza lula umthwalo ebesiwubekwe nguyihlo, ewe kanye idyokhwe enzima abeyibeke phezu kwethu, sokukhonza.”
5URehobhowam uphendule wathi: “Khanihambe, ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.” Bemka ke abantu.
6Ke ukumkani uRehobhowam wathetha-thethana namadoda amakhulu awayebusa kuyise uSolomon ngexesha lokudla kwakhe ubomi, esithi: “Nicebisa ngelithini na nina, ukuze ndibaphendule aba bantu?”
7Aphendula athi: “Ukuba uthe namhlanje waba njengesicaka kwaba bantu, wabakhonza, wathetha kakuhle nabo, baya kusoloko bezizicaka zakho.”
8Kambe ke uRehobhowam walikhaba eli cebiso alinikwa ngamadoda amakhulu, waza wathetha-thethana nabafana abaziintanga zakhe ababembusa. 9Wabuza kubo wathi: “Nindinika cebiso lini nina? Mandithini ukubaphendula aba bantu bathi: ‘Khawuyenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo’?”
10Abo bafana baziintanga zakhe baphendula bathi: “Abo bantu bathi: ‘Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, kodwa wena yenze ibe lula kuthi.’ Ke wena baxelele uthi: ‘Ucikicane wam ungaphezu kwesinqe sikabawo. 11Ukuba ubawo ubenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndonikatsa ngemvubu.’ ”
12Emva kweentsuku ezintathu ke uJerobhowam nabantu bonke babuyela kuRehobhowam ngokwaloo mlomo wakhe owawuthe: “Ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.” 13Ke ukumkani wabaphendula rhabaxa abantu, walilahla icebiso lamadoda amakhulu, 14wathatha elabafana, wathi: “Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu. Mna ke ndiza kuyenza ibe nzima ngaphezulu. Njengoko yena ubawo ebenibetha ngoswazi, ke mna ndiza kunikatsa ngemvubu.” 15Ewe, ukumkani akabaphulaphulanga abantu, phofu ke ukuhamba kwezinto ngale ndlela kwakuvela *kuNdikhoyo, efezekisa ilizwi awalithetha kuJerobhowam unyana kaNebhati ngomlomo ka-Ahiya waseShilo.
16Ke uSirayeli ewonke uthe akubona ukuba ukumkani uyala ukuphulaphula, wamphendula wathi:
“Sinasabelo sini na kuDavide?
Sinanxaxhebani na kunyana kaJese?
Godukani, maSirayeli!
Ke wena, Davide, jongana nendlu yakho!”
Ngoko ke amaSirayeli agoduka.
17Kambe ke wona amaSirayeli awayemi kwiidolophu zakwaJuda ahlala ephantsi kolawulo lukaRehobhowam. 18Ukumkani uRehobhowam wathumela uAdoniram owayeyingqwayi-ngqwayi kwabasebenza ngonyanzelo, kodwa amaSirayeli asuka amxuluba ngamatye wafa. Phofu ke yena ukumkani waba nako ukungena enqwelweni, asabele eJerusalem. 19Unanamhla ke uSirayeli usavukelene nendlu kaDavide.
20AmaSirayeli athe asakuqonda ukuba uJerobhowam ubuyile, ambizela embizweni, aza ammisela wangukumkani kaSirayeli ephela, yaba yindlu kaJuda yodwa eyasala isephantsi kwendlu kaDavide.
21Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli, alubuyisele ulawulo kuRehobhowam unyana kaSolomon.
22Kambe ke kwafika eli lizwi likaThixo kuShemaya umfo wakwaThixo lisithi: 23“Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda, nayo yonke indlu kaJuda nekaBhenjamin, nakubo bonke abaseleyo, uthi: 24‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu amaSirayeli. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke balithobela ilizwi likaNdikhoyo, bagoduka ngokomyalelo wakhe.
Amathole enziwe ngegolide
25UJerobhowam wayixhobisa iShekem kwelo lakwaEfrayim, waza wahlala khona. Kananjalo waya kuyakha nePeniyeli.
26UJerobhowam wathi ngaphakathi kwakhe: “Hleze lo mbuso ubuyele kwindlu kaDavide. 27Ukuba aba bantu bamane besiya kwenza amadini endlwini *kaNdikhoyo eJerusalem, bangasuka baphinde bakhahlele kwinkosi yabo uRehobhowam ukumkani kaJuda. Xa inokwenzeka loo nto bangandibulala, babuyele kukumkani uRehobhowam.”
28Emva kokucebisana nabathile ukumkani wenza amathole amabini ngegolide. Wabhekisa ebantwini wathi: “Niyaxhamleka kukunyuka niye eJerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhupha ezweni laseJiputa!” 29Elinye walibeka eBhetele, elinye lâkwaDan. 30Yathi ke loo nto yaba sisono; bahamba abantu baya phambi kwelo likwaDan.
31UJerobhowam wakha izibingelelo ezindulini, waza wamisela ababingeleli beendidi zonke zabantu nâbo bangengabo abaLevi. 32Wamisa imibhiyozo ngosuku lweshumi elinesihlanu kwinyanga yesibhozo njengalowo wawusenziwa kwaJuda, waza wenza amadini eqongeni. Le nto wayenza eBhetele, wawenzela amadini loo mathole wayewabumbile. Kananjalo eBhetele wamisa ababingeleli kwiinduli awayezimisile. 33Ngosuku lweshumi elinesihlanu kwinyanga yesibhozo, nyanga leyo wazikhethelayo, wenza amadini kwiqonga awayelakhe eBhetele. Ewe, amaSirayeli wawamisela loo mbhiyozo, naye waya eqongeni wanikela amadini.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 12: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy