YouVersion Logo
Search Icon

1 YOOKUMKANI 11

11
Abafazi bakaSolomon
1Ke kaloku nangaphandle kwentombi yokumkani waseJiputa uSolomon wayenabafazi abaninzi beentlanga: abangamaMowabhi, ama-Amon, amaEdom, amaSidon, namaHiti. 2Wabathatha kwezo ntlanga wayewayale ngazo *uNdikhoyo amaSirayeli esithi: “Ze ningendiselani nazo, kuba ziya kunilukuhlela kwizithixo zazo,” kodwa ke yena uSolomon wasuka waqhogana nabo ngothando. 3Wayenamakhulu asixhenxe abafazi begazi, enamakhulu amathathu amaqadi. Abo bafazi ke bayilahlekisa intliziyo yakhe. 4Wathi ekugugeni kwakhe abafazi bakhe bayitsalela *koothixo babo intliziyo yakhe, akabi nako ukuzinikezela ngokupheleleyo kuNdikhoyo, uThixo wakhe, njengoko wenzayo yena uyise uDavide. 5Wazinikezela kuAshtoreti, isithixokazi samaSidon, nakuMilikom, isikizi lothixo wama-Amon. 6Ngaloo ndlela ke uSolomon wanxaxha ekulandeleni uNdikhoyo, akabi nako ukumnqula ngokufezekileyo uNdikhoyo njengoyise uDavide.
7Kwinduli ekwimpuma yeJerusalem uSolomon wenza isibingelelo sikaKemoshe, isikizi lothixo wamaMowabhi, kunye noMoleki isikizi lothixo wama-Amon. 8Wenjenjalo kubo bonke abafazi bakhe abaziintlanga ababesenza iziqhumiso benikela namadini kwizithixo zabo.
9Ke kaloku uNdikhoyo wakhathazeka ngenxa yesi senzo sikaSolomon, kuba intliziyo yakhe yagwilika kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli owayebonakele kuye kwada kwakabini. 10Nakuba wamlumkisayo ngokulandela oothixo abangabambi, kodwa uSolomon zange awukhathalele loo myalelo kaNdikhoyo. 11Ngoko ke uNdikhoyo wathi kuSolomon: “Ngenxa yokuba uziphethe ngolu hlobo, usuke akwawukhathalela umnqophiso nommiselo endakuyala ngawo, ndosuka ndiwukrazule umbuso wakho, ndiwunikele kwelinye lamaphakathi akho. 12Kambe ke, ngenxa kayihlo uDavide, le nto andiyi kuyenza ngexesha lokudla kwakho ubomi. Ndiya kuwukrazula xa sewusesandleni sonyana wakho. 13Nalapho ke andiyi kuwukrazula wonke umbuso kuye; yena ndomnika isizwe esinye ngenxa kaDavide isicaka sam, nangenxa yeJerusalem endayinyulayo.”
Iintshaba zikaSolomon
14*UNdikhoyo ke wavusela uSolomon utshaba olunguHadadi, umfo wegazi lobukhosi bamaEdom. 15Kwimihla yamandulo xa uDavide wayesilwa namaEdom, uJowabhi injengele yomkhosi owayeye kufihla abagwaziweyo, wawabulala onke amaEdom. 16UJowabhi lo, ekunye nawo onke amaSirayeli, wahlala apho iinyanga zantandathu, bada bawatshabalalisa onke amadoda ase-Edom. 17Ke yena uHadadi lo wayeseyinkwenkwe, waza ke wabalekela eJiputa, ekunye namaphakathi ayekumbuso kayise. 18Baphuma eMidiyan, bajonga eParan. Baza baphuma apho namadoda athile, baya eJiputa, waza ke ukumkani wakhona wanika uHadadi indlu nomhlaba, wamxhasa ngokutya.
19Ukumkani lowo ke wakholiseka nguHadadi, ngangokuba ade amendisele udade bomkakhe ogama linguTapanes. 20Loo mfazi ke wazala unyana owathiywa igama elinguGenubhati. Waza ke uTapanes wamkhulisela apho komkhulu. UGenubhati lo ke wakhula nabantwana bokumkani waseJiputa.
21EseJiputa apho ke uHadadi weva ukuba uDavide akasekho, noJowabhi injengele yomkhosi wakhe wasweleka. UHadadi wacela apho kukumkani wathi: “Ndikhulule ndibuyele kwelakowethu.”
22Ukumkani wathi: “Ngaba yintoni oyisweleyo ngoku ulapha, le nto ufuna ukugoduka?”
Ke yena waphendula wathi: “Hayi, andiswele nto, kodwa noko ndikhulule!”
23Kwakhona uThixo wavusela uSolomon olunye utshaba, uRezon unyana kaEliyada, owayebaleke kwinkosi yakhe uHadadizere ukumkani waseZobha. 24Waqokelela amahlakani, waza yena wayinkokheli yegqiza labavukeli ngokuya uDavide wayetshabalalise imikhosi yaseZobha. Abo bavukeli ke baya eDamasko, baza bahlala khona balawula. 25URezon lo ke waba lutshaba lukaSirayeli ngalo lonke ixesha lokudla kukaSolomon ubomi, yena ke esongezelela kwinkathazo eyayidalwa nguHadadi. URezon ke walawula eAram echasene noSirayeli.
UJerobhowam uvukela uSolomon
26Kanti ke noJerobhowam unyana kaNebhati wavukelana nokumkani uSolomon. Wayengomnye wamaphakathi kaSolomon, engumEfrayim waseZereda, unina engumhlolokazi ogama linguZeruya.
27Nantsi indlela awavukela ngayo ukumkani: uSolomon wayegangatha umhlaba okwimpuma yeJerusalem, elungisa neendonga zesixeko sikayise uDavide. 28Ke kaloku lo mfo unguJerobhowam wayelichule. Akubona ubuhle bomsebenzi walo mfana ke uSolomon, wammisa ukuba abe ngumveleli kubo bonke abasebenzi bendlu kaJosefu.
29Ngelo thuba ke uJerobhowam waphuma eJerusalem, waza ke wadibana *nomshumayeli waseShilo uAhiya, yena enxibe isambatho esitsha. Baba bodwa ke apho emaphandleni bobabini, 30waza uAhiyo wathatha eso sambatho sitsha wayesinxibile, wasikrazula saziziqwenga ezilishumi elinambini. 31Waza ke wathi kuJerobhowam: “Zithathele iziqwenga zibe lishumi. Kaloku la ngamazwi *kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, uthi: ‘Ndiza kuwukrazula umbuso kaSolomon, wena ndikunike izizwe ezilishumi. 32Kambe ke ngenxa yesicaka sam uDavide, nesixeko sam iJerusalem endasinyulayo kuzo zonke izizwe zikaSirayeli, yena wosala nesizwe sibe sinye. 33Le nto ke ndiza kuyenza kuba bandilahlile banqula uAshtoreti isithixokazi samaSidon, noKemoshe uthixo wamaMowabhi, noMilikom uthixo wama-Amon. Ewe, banxaxhile ezindleleni zam; bakutyeshele ukwenza izinto ezilungileyo; abayithobelanga imithetho nemimiselo yam njengoko wenzayo uDavide uyise kaSolomon. 34Kodwa ke umbuso andiyi kuwuthatha wonke esandleni sikaSolomon; yena woba ngumlawuli ngayo yonke imihla yokudla kwakhe ubomi, ngenxa kaDavide isicaka sam endasinyulayo saza sayithobela imithetho nemimiselo yam. 35Umbuso lo ndiya kuwohlutha kunyana wakhe, wena ndikunike izizwe ezilishumi. 36Unyana wakhe ndomnika isizwe esinye, ukuze isicaka sam uDavide sibe nesibane yonke imihla eJerusalem isixeko endasinyulela igama lam. 37Kambe ke wena ndiya kukumisa ulawule kangangoko ufuna, ube ngukumkani kwaSirayeli. 38Ndiya kuba nawe ukuba uthe wenza ngokwemithetho yam, wahamba ngokweendlela zam, wenza okuhle ngokuthobela imimiselo nemiyalelo yam njengoDavide isicaka sam. Ndiya kukwenzela isizukulwana sabalawuli esiqiniseke njengêso ndasinika uDavide; ndomnikela kuwe uSirayeli. 39Ke sona isizukulwana sikaDavide ndiya kusithoba ngenxa yale nto. Kambe ke, loo nto ayiyi kuhlala injalo.’ ”
40Ke uSolomon wazama ukubulala uJerobhowam, kodwa ke yena wabalekela eJiputa, kukumkani uShishaki, waza ke wahlala khona wada wasweleka uSolomon.
Ukufa kukaSolomon
(2 Gan 9:29-31)
41Ke zona ezinye iziganeko zolawulo lukaSolomon, nayo yonke imisebenzi nobulumko bakhe, nâzo zibhaliwe encwadini yembali kaSolomon. 42Ke kaloku yaba yiminyaka emashumi mane uSolomon elawula kwaSirayeli eJerusalem. 43Waza ke waya kuphumla kooyise, wangcwatywa kwisixeko sikayise uDavide. URehobhowam unyana wakhe wangena esikhundleni sakhe wangukumkani.

Currently Selected:

1 YOOKUMKANI 11: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy