YouVersion Logo
Search Icon

1 KAYOHANE 5

5
Ukoyisa ihlabathi
1Nawuphi na umntu okholwayo ukuba uYesu unguKrestu, ungumntwana kaThixo; yaye ke nabani na omthandayo umzali uyamthanda nomntwana. 2Ukuba siyamthanda uThixo siyithobela nemiyalelo yakhe, loo nto luphawu lokuba siyabathanda abantwana bakhe. 3Kaloku ukumthanda uThixo kuhambisana nokuthobela imiyalelo yakhe. Ke yona imiyalelo kaThixo ayinzima kuthi. 4Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo. 5Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.
Ubungqina ngoYesu Krestu
6Ebomini bukaYesu kwaqaqamba amanzi negazi. Kambe ke asingomanzi odwa, koko ngamanzi negazi. UMoya ngokwakhe uyayingqina le nyaniso; kaloku uMoya ngumthombo wenyaniso. 7Ke amangqina mathathu, 8ayangqinelana: uMoya, amanzi, negazi. 9Obu ke bubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe, ibe ke buthembekile. Kambe ke thina siyabamkela nobungqina babantu. 10Okholwayo kuNyana kaThixo nentliziyo yakhe iyangqina; kambe ke yena ongakholwayo kuThixo, umenza ixoki ngokungabamkeli ubungqina obuvela kuThixo ngoNyana wakhe. 11Nabu ke obo bungqina: bukukuba uThixo usinike ubomi obungenasiphelo, bomi obo sibuzuza ngokumanywa noNyana. 12Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
Ubomi obungenasiphelo
13Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo. 14Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze. 15Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe. 16Xa umntu ebhaqe uwabo ephazama, makamthandazele kuThixo ukuze aphile. Le nto ke inxulumene nabo bazono zingakhokeleli kufeni. Kaloku zikho izono ezikhokelela ekufeni; anditsho ke ukuba ezinjalo zithandazeleni kuThixo. 17Nakuba konke ukungalungisi kusisono nje, azikhokeleli ekufeni ngokufanayo zonke izono.
18Siyazi ukuba umntwana kaThixo akoni rhoqo. Kaloku uNyana kaThixo uyamgcina, ukuze umtyholi angamchukumisi.
19Siyazi thina ukuba silusapho lukaThixo; kanti ke bona abantwana beli hlabathi balawulwa ngumtyholi.
20Siyazi ukuba uNyana kaThixo ufikile wasinika ukuqonda, ukuze simazi uThixo onguye ngenene. Thina simanywe nalowo unguThixo ngenene, kuba kaloku simanywe noNyana wakhe uYesu Krestu. Yena ke unguThixo ngenene; nguye obona bomi bungenasiphelo.
21Bantwana bam, zilumkeleni *izithixo!

Currently Selected:

1 KAYOHANE 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy