YouVersion Logo
Search Icon

1 KAYOHANE 3

3
1Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi. 2Bahlobo bam, singabantwana bakaThixo ngoku, kodwa ke into esiya kuba yiyo ayikacaci. Siyazi kambe ukuba akufika uKrestu siya kufana naye, kuba soba simbona njengoko anjalo. 3Wonke umntu oneli themba kuKrestu uzenza nyulu kanye njengokuba noKrestu enyulu. 4Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho. 5Niyazi kaloku ukuba uKrestu weza kucamagushela isono; ibe ke akanasono yena. 6Ngoko ke lowo umanyene noKrestu uyazilumla esonweni. Lowo ungazilumliyo esonweni akakamboni uKrestu, engazani nokwazana naye.
7Musan' ukulahlekiswa, bantwana bam: Ngumntu olungisayo olilungisa, kanye njengoko noKrestu elilo. 8Umntu ongumoni ufuze uSathana, yena wonayo kwasekuqaleni. UNyana kaThixo ke wezela kanye into yokuba abhangise umsebenzi kaSathana.
9Lowo ke ungumntwana kaThixo akoni rhoqo. Kaloku uzelwe nguThixo yena. Umntwana kaThixo kaloku akanakuhlalela ukona. 10Nguwo lo ke umahluko phakathi kwabantwana bakaThixo nabakaSathana: Umntu ongenzi okulungileyo nongawathandiyo amanye amakholwa, asingomntwana kaThixo.
Thandanani
11Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni. 12Masingafani noKayen ke owafuza umtyholi wagwinta umntakwabo. Kwakutheni ukuze amgwinte umntwakwabo? Kwakungenxa yokuba izenzo zikaKayen zazigwenxa, kodwa ezomntakwabo zazilungile.
13Bahlobo bam, sanukumangaliswa xa abantu beli hlabathi benithiyile. 14Kaloku thina siphumile ekufeni sangena ebomini. Loo nto ke icaciswa kukuba siyawathanda amawethu. Umntu ongenalo uthando usantyumpantyumpeka ekufeni. 15Nabani na ke omthiyileyo uwabo sisigwinta, ibe ke niyazi ukuba akukho sigwinta sinabo ubomi obungunaphakade. 16Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu. 17Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe? 18Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.
Aninasazela phambi koThixo
19Nantso ke into ebonakalisa ukuba singabenyaniso, yaye asinasazela phambi koThixo. 20Kanti ke, nokuba siyalahlwa sisazela sethu, yena uThixo osaziyo ngokupheleleyo, unenceba kunesazela sethu. 21Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo. 22Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe. 23Umyalelo wakhe uthi masizinikele kwigama loNyana wakhe uYesu Krestu, sithandane nanjengokuba wasiyalelayo. 24Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

Currently Selected:

1 KAYOHANE 3: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy