YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 5

5
Umbulo ebandleni
1Ndiva kusithiwa kukho umbulo phakathi kwenu. Lowo ke ngumbulo onganyamezelekiyo naphakathi kweentlanga. Ndithetha lo wokuba umntu ahlalisane nomfazi kayise. 2Ningathini ke ukuzidla? Benimelwe kukwenyela, nimsuse phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi. 3Mna ke, ndingekho nje okunene ngesiqu (kodwa ndikho ngomoya) sendide ndagqiba ngokungathi ndikho, malunga noyenzileyo loo nto. 4Ndigqibe kwelithi xa nihlangene egameni leNkosi yethu uYesu Krestu, nam ndikho ngomoya, amandla eNkosi yethu uYesu Krestu esixhasa, 5makanikelwe onjalo kuSathana, ukuze umzimba wakhe utshatyalaliswe, ngenjongo yokuba umoya wakhe ube nokusindiswa ngomhla womgwebo.
6Hayi ukunyanyeka kweqhayiya lenu! Anisazi kakade isaci esithi: “Igwele elincinane libilisa intlama iphela”? 7Likhupheni ngoko liphele tu igwele elidala elonakalisayo, ukuze nibe yintlama entsha. Kaloku niyintlama engenagwele, kuba *iPasika yethu seyilungisiwe, ethe nje uKrestu, ixhwane lethu lePasika, wenziwa idini. 8Ngoko ke itheko lethu masingalityi ngasonka sinegwele elidala, elikukona nobubi, kodwa masilitye ngesonka esingenagwele, isonka sobunyulu nenyaniso.
9Kwincwadi endanibhalela yona ndathi ze ningadibaniselani nabarheletyi. 10Ke bendingaxeli abarheletyi beli hlabathi, ababawayo, izigebenga, nabakhonza izithixo. Ukuze ningadibaniselani nabo, bekuya kufuneka ningabikho emhlabeni! 11Hayi, bendixela ukuba ningadibaniselani nosukuba ebizwa ngokuba likholwa, ukanti uyarheletya, okanye uyabawa, ukhonza izithixo, okanye uyanyelisa, linxila, okanye limenemene. Ewe, ze ningatyi nokutya oku nonjalo. 12-13Asingomsebenzi wam ukubagweba abangengabo abebandla. Bagwetywa nguThixo bona. Kodwa ngumsebenzi wenu ukubagweba abebandla lenu, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ze nimsuse phakathi kwenu lowo ukhohlakeleyo.”

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 5: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy