YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 4

4
Abathunywa bakaThixo
1Makenjenje ke umntu ukucinga ngathi, athi sizizicaka zikaKrestu, singamagosa eendaba zikaThixo ebezingaziwa. 2Into elindelekileyo ke kumagosa kukuba ahlale ethembekile. 3Ke mna andikunanze nganto ukuziphendulela kuni okanye enkundleni eyeyabantu. Ewe, nam andiziphicothi ngokwam. 4Akukho nto ndinasazela ngayo, kodwa loo nto ayithethi kuthi ndimsulwa. Kaloku umgwebi wam yiNkosi. 5Ngoko ke musani ukugweba mntu ngaphambi kwexesha lokufika kweNkosi. Yona iya kuzityhila izinto zobumnyama ezifihliweyo, ekufikeni kwayo, iziveze ekuhleni iingcinga zabantu. Wothi ke elowo nalowo awongwe nguThixo ngokumfaneleyo.
6Ezi zinto, mawethu, ndizilinganisela ngam noApolo ngenxa yenu, ukuze nifunde kuthi apha, nize ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo, ningabi nakratshi. Ke musani ukuqhayisa ngothile nize nimdele omnye. 7Kambe ngubani othe wena ubalulekile kunabanye; iyintoni yona onayo ongayiphiwanga nguThixo? Phofu ke, ukuba uphiwe, uqhayiselani ngokungathi akuphiwanga?
8Ngathi senide nadikwa njê; ngathi senizizityebi njê; ngathi senide naziinkosi njê, ndingekabi yiyo nam! Akwaba beniziinkosi nyhani-nyhani, ukuze nam ndibuxhamle ubukhosi obo benu! 9Kuba kum ngathi uThixo thina *bathunywa bakhe usinika eyona ndawo iphantsi, ngathi singabamiselwe ukufa, senziwe umboniso oyintlekisa ehlabathini, kwizithunywa zezulu nasebantwini. 10Andithi thina siziziyatha kaloku ngenxa kaKrestu, nibe ke nina niziingqondi ngokumanywa noKrestu, ngabula nina! Andithi thina siswele amandla; ke nina nomelele! Kaloku nibekekile nina, sibe ke thina sidelekile! 11Kude kube ngôkunje siyalamba, siyanxanwa, siyadlakazela, siyadlakathiswa, siyabhadula, 12siyabulaleka sisebenza nzima sizixhasa. Sakuthukwa, siyasikelela; sakutshutshiswa, siyanyamezela; 13sakunyeliswa, siyacenga. Kude kube ngoku siphethwe okwenkunkuma yehlabathi, umququ wezinto zonke.
14Ezi zinto andizibhaleli kuba nenyele; hayi, ndizibhalela ukuniluleka. Kaloku ningabantwana bam endibathandayo. 15Nokuba ningade nibe namawaka-waka abafundisi abanifundisa ngoKrestu, mnye yena uyihlo kodwa. Ndim ke lowo, kuba namanywa noKrestu ngokuziva ngam iindaba ezimnandi; ndafana nonizeleyo ke. 16Ndiyanibongoza ke, xelisani mna. 17Ngenxa yoko ndinithumela uTimoti ongunyana wam endimthandayo, othembekileyo ekuyikhonzeni iNkosi. Yena uya kunikhumbuza ngeemfundiso zam ngoKrestu, ezi ndizifundisayo ezindaweni zonke kuwo onke amabandla.
18Abanye benu basuke bakhukhumala ngokungathi andisayi kuze ndize apho. 19Ndiya kunihambela kamsinya, emandleni eNkosi, ukuze ndinganeli nje kuva kucikoza kwâbo bazidlayo, kodwa ndiwubone nomsebenzi wabo. 20Kaloku ulawulo lukaThixo alungabuciko, lungamandla kaMoya. 21Nikhetha ntoni ke? Ngaba nifuna ndize kuni ndiphethe uswazi, okanye nifuna ndize ndinothando nobubele?

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 4: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy