YouVersion Logo
Search Icon

1 KWABASEKORINTE 2

2
UPawulos ushumayela uKrestu obethelelwe emnqamlezweni
1Mawethu, ngokuya bendinihambele ukuze ndinazise iindaba zikaThixo ebezingaziwa mntu, andizanga ngabuciko bakuthetha nalwazi. 2Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni. 3Ndathi ke, ndakufika kuni, ndaba ngobuthathaka, ndinoloyiko, ndigubha kakhulu. 4Ukuthetha kwam nokuvakalisa kwam uKrestu akubanga ngabuciko. Hayi, kube kukubonakalisa amandla oMoya kaThixo. 5Ngoko ke ukholo lwenu malungaxhomekeki bucikweni bamntu, kodwa malusekelwe ngamandla kaThixo.
Ubulumko bukaThixo
6Kambe ke into endiyithethayo ibubulumko kwabo bavuthiweyo. Kodwa ke obo abububo ubulumko beli phakade, bungebubo nobabaphathi balo ababhangayo. 7Ndixela ubulumko bukaThixo obungaziwa mntu, awathi uThixo kwangaphambi kokudalwa kwehlabathi wabumisela ukuze sibe nodumo ngenxa yabo. 8Akubangakho namnye ke wabaphathi beli hlabathi ubazileyo obo bulumko, kuba, ukuba babebazile, ngebengayibethelelanga emnqamlezweni iNkosi enobungangamsha. 9Kodwa ke kunjengoko zitshoyo *iziBhalo ukuthi:
“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”
10UThixo wazityhila kuthi ke ezi ndaba ngoMoya wakhe; kuba uMoya uphengulula zonke izinto, nobunzulu bobume bukaThixo. 11Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo. 12Ke thina asamkelanga moya simnikwe ngabantu; samkele uMoya esimnikwe nguThixo, ukuze sizazi izinto uThixo asibabale ngazo. 13Ezi zinto ke sizithethayo asizithethi ngabuciko sibunikwe ngumntu, kodwa sizithetha ngobulumko esibunikwe nguMoya oyiNgcwele. Sicacisa izinto ezizezoMoya ngamazwi esiwanikwa nguMoya. 14Ke umntu ongenaye uMoya akazamkeli izinto zoMoya kaThixo, kuba zibubudenge kuye. Kaloku akanakuziqonda, kuba ukuxabiseka kwazo kuqondwa kuphela ngulowo ukhokelwa nguMoya. 15Ke umntu okhokelwa nguMoya okunene uyakwazi ukuzicalula zonke izinto, kodwa yena ngokwakhe akanakuphengululwa ngabangakhokelwa nguMoya. 16Kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Ngubani na ozaziyo iingcamango zeNkosi;
ingubani na onako ukuyicebisa?”
Kaloku thina sicinga nto-nye noKrestu.

Currently Selected:

1 KWABASEKORINTE 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy