YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 29

29
Izipho zokwakha indlu kaThixo
1Ukumkani uDavide wathetha nebandla likaSirayeli liphela, wathi: “Unyana wam uSolomon, lo unyulwe *nguNdikhoyo, noko uselula, yaye ke akanamava. Umsebenzi lo ke wona mkhulu, kuba eli bhotwekazi liza kwakhiwa asilamntu, koko lelikaNdikhoyo uThixo. 2Mna ndenze unako-nako ndiqokelela izinto ezingamalungiselelo okwakha indlu kaThixo: oozigolide kumsebenzi oza kwenziwa ngegolide, isiliva kwizinto eziza kwenziwa ngesiliva, ubhedu kwizinto eziza kwenziwa ngobhedu, intsimbi kwizinto eziza kwenziwa ngentsimbi, kanti nomthi kwezomthi; namatye axabisekileyo okuhombisa: oozionike noomatekosi, amatye amibala-bala, nazo zonke iindidi zamatye axabisekileyo nemàbhula. Zonke ke ezi zinto zikho ngendlu yazo. 3Ngaphezu koko ke ngangokuba ndizinikezele kule ndlu kaThixo wam, ngoku ndinikezela ngobutyebi bam, igolide nesiliva, khon' ukuze kwakhiwe indlu kaThixo wam. 4Ezi ke izinto zithe geqe kumalungiselelo endiwenzileyo okwakha le ndlu ingcwele ngaphezu kweetoni ezilikhulu zegolide yodidi, nesiliva ecwengileyo ekwisithuba seetoni ezingamakhulu amabini namashumi amane. Ke yona yeyokuhombisa iindonga zendlu kaThixo, 5nazo zonke izinto eziya kwenziwa ngamagcisa. Namhlanje ke ndicela umngeni kuye wonke umntu ozivayo; makakhuphe nantoni na, anikele kuNdikhoyo!”
6Ngoko ke iinkulu zezindlu, namaphakathi ezizwe zikaSirayeli, neengqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka nalikhulu, ngokunjalo namaphakathi kakumkani, xa bebonke banikela ngezandla ezivulekileyo. 7Kulo msebenzi wokwakhiwa kwendlu kaThixo zanikela igolide engaphezu kwekhulu elinamashumi asixhenxe eetoni, neetoni zesiliva ezingaphezu kwamakhulu amathathu anamashumi amane, neetoni zobhedu ezikwisithuba samakhulu amathandathu anamashumi amabini, neetoni zentsimbi ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane. 8Umntu onamatye axabisekileyo wayenikela ngawo apho kuvimba wendlu kaNdikhoyo, zigcinwe nguYehiyeli umGershon. 9Nabantu ke bavuyiseka yindlela ezakuthakazelela ngayo iinkokheli zabo ukunikela; kaloku zanikela kuNdikhoyo ngezandla ezivulekileyo. Kananjalo ke naye ukumkani uDavide wavuya kakhulu.
Umthandazo kaDavide
10Ke kaloku uDavide wabonga *uNdikhoyo phambi kwalo lonke ibandla likaSirayeli, wathi:
“Ungowokubongwa, wena Ndikhoyo,
Thixo kabawo wethu uSirayeli,
kuse ephakadeni lasemaphakadeni.
11Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
12Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;
wena ungumlawuli weento zonke.
Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.
Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.
13Ngoko ke siyakubulela, Thixo wethu;
ewe, siyadomboza sikuncoma ngenxa yegama lakho elinesihomo!
14“Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho. 15Kaloku thina ebusweni bakho singabasemzini neembacu kwanjengokuba babenjalo noobawo-mkhulu. Imihla yethu kulo mhlaba ifana nesithunzi, ayithembisi mpela. 16Ewe, Ndikhoyo, Thixo wethu, yonke le mfumba siyinikele ukulungiselela ukwakhiwa kwendlu egameni lakho elingcwele; yonke yinto ephuma esandleni sakho, ngoko ke konke nje kokwakho kakade. 17Ndiyazi kambe, Thixo wam, ukuba wena uyayivavanya intliziyo, ukholiswa ngumntu othe ngqo. Ewe, zonke ezi zinto ndizinikela ngezandla ezivulekileyo nangeenjongo zokunyaniseka. Kananjalo nam ndibone ndatsho ndavuya xa aba bantu bakho abalapha namhlanje benikela kuwe ngezinwe ezinje. 18Ewe, Ndikhoyo, Thixo woobawo bethu uAbraham, uIsake, noSirayeli, olu langazelelo lugcine luvutha ezintliziyweni zabantu bakho, kude kuse ephakadeni; kananjalo iintliziyo zabo zithimbe, ukuze banyaniseke kuwe. 19Nalo nyana wam unguSolomon mnike intliziyo ephelelisileyo ekuyithobeleni imithetho nemiqathango nemimiselo yakho, ukuze enze konke okusemandleni akhe ezabalazela ukulakha eli pomakazi lebhotwe esenjenjalo ukulilungiselela.”
20Ngoku ke uDavide wabhekisa ebandleni lilonke, wathi: “Dombozani nimdumise uNdikhoyo, uThixo wenu.” Ngoko ke bonke abantu bambonga uNdikhoyo uThixo wooyise-mkhulu; ewe, baduma, bakhahlela, bawa phantsi phambi koNdikhoyo naphambi kokumkani.
Ukumiselwa kukaSolomon
21Ngomhla olandelayo ke kwenzelwa *uNdikhoyo amadini; bamenzela amadini atshiswayo ngewaka leenkunzi zeenkomo, iwaka leenkunzi zeegusha, newaka lamaxhwane angamaduna, kunye neminikelo ethululwayo, kwaneminye iminikelo, yonke iyintabalala enikelwa egameni lamaSirayeli ewonke jikelele. 22Ngaloo mini ke batya basela bedlokova yimincili apho phambi koNdikhoyo. Baza ke kwakhona abantu bamvuma uSolomon unyana kaDavide ukuba ungukumkani wabo, bamthambisa phambi koNdikhoyo ukuze abe ngumlawuli wabo, ke yena uZadoki abe ngumbingeleli wabo. 23Ngoko ke uSolomon wangqendeva esihlalweni sikaNdikhoyo wangukumkani esikhundleni sikayise uDavide. Waba nempumelelo ke; wabe yena wonke uSirayeli emthobela. 24Onke ke amaphakathi, kunye namagorha, ngokunjalo nabo bonke oonyana bakakumkani uDavide, bafunga bazibophelela ekumthobeleni ukumkani uSolomon.
25UNdikhoyo ke amaSirayeli onke wawenza amhlonela uSolomon, abuthobela phezu kwakhe bonke ubunewu-newu bomntwan' egazi ngendlela apha engazange yenziwe kuye nawuphi na ukumkani kwabakwaSirayeli ngaphambi kwakhe.
Ukufa kukaDavide
26Ke kaloku uDavide unyana kaJese wayengukumkani kaSirayeli jikelele. 27USirayeli wamlawula iminyaka engamashumi amane: yaba sixhenxe eHebron, yaza yangamashumi amathathu anantathu eJerusalem. 28Wasweleka seleyindoda enkulu, ekhulile, ebuxhamle ubomi obude, ubutyebi, nesidima. Esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uSolomon wangukumkani.
29Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukakumkani uDavide ukusuka ekuqaleni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yeembali *zomshumayeli uSamweli, kwiimbali zomshumayeli uNatan, nakwiimbali zomshumayeli uGadi. 30Zikwalapho ke neenkcukacha zolawulo lwakhe nobungangamsha bakhe, kanti nabo bonke ubucukubhede beemeko ezinxulumene naye siqu, ngokunjalo noSirayeli, nezikumkani zawo onke amanye amazwe.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 29: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy