YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 23

23
AbaLevi
1Ke kaloku uthe akukhula, xa seleyindoda enkulu, uDavide wabeka unyana wakhe uSolomon wangukumkani kwaSirayeli.
2Kananjalo waqokelela zonke iinkokheli zakwaSirayeli kunye nababingeleli nabaLevi. 3Babalwa abaLevi ababudala bungamashumi amathathu nangaphezulu, baza bafumaneka bengamashumi amathathu anesibhozo amawaka. 4UDavide wathi: “Amashumi amabini anesine amawaka abaLevi baya kongamela umsebenzi wendlu *kaNdikhoyo, size isithandathu samawaka sibe ngamagosa nabagwebi. 5Ke wona amawaka amane aya kuba ngabagcini-masango; kananjalo amanye amawaka amane adumise uNdikhoyo ngeengoma esebenzisa izikhalisi endizilungiselele loo njongo.”
6UDavide wabahlula-hlula abaLevi ngokwamaqela oonyana bakaLevi: uGershon, uKohati, noMerari.
7Oonyana bakaGershon nguLadan noShimeyi. 8Oonyana bakaLadan bathathu: nguYehiyeli owamazibulo, ibe nguZetam noJoweli. 9Oonyana bakaShimeyi nabo bathathu: nguShelimoti, noHaziyeli, noHaran. Zizo ezo ke iinkulu zezindlu zakwaLadan. 10-11Oonyana bakaShimeyi bane: nguYahati owamazibulo, kulandele uZina, ibe nguJewushe noBheriya. Ke uJewushe noBheriya babengenanyana baninzi, yaza inzala yabo yabalelwa ekubeni yindlu enye.
12Oonyana bakaKohati bane: nguAmram, noIzare, noHebron, noUziyeli. 13Oonyana baka-Amram nguAron noMosis. UAron nenzala yakhe bachongwa ukuba bagcine izinto ezingcwele zonqulo, bamkhonze uNdikhoyo, bemenzela iziqhumiso, besikelela abantu egameni lakhe kude kube ngunaphakade. 14Ke bona oonyana bakaMosis, umfo wakwaThixo, babalelwa kubaLevi. 15Oonyana bakaMosis nguGershom noElizere. 16Inkulu yoonyana bakaGershom nguShebhuweli. 17Inkulu yoonyana bakaElizere nguRehabhiya. UElizere akazalanga wumbi unyana ngaphandle koRehabhiya, kodwa uRehabhiya wazala oonyana abaninzi gqitha.
18Inkulu yoonyana bakaIzare nguShelomiti. 19Inkulu yoonyana bakaHebron abane nguTeriya, ibe nguAmariya, noYaziyeli, noYekamam. 20Koonyana baka-Aziyeli nguMika inkulu, ibe nguIshiya owesibini.
21Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe. 22UElazare wafa engenanyana, eneentombi zodwa, zaza zathathwa ngamawabo oonyana bakaKishe. 23Oonyana bakaMushi bathathu: nguMali, noEdere, noYeremoti.
24Ezi ke yayizizizukulwana zikaLevi ngokwezindlu zazo – iinkulu zezindlu ngokwamagama okubhaliswa kwazo zibalwa ngazinye, abasebenzi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, abo babelungiselela endlwini kaNdikhoyo. 25Kaloku uDavide wathi: “Ngoku uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ubanike ukuphumla abantu bakhe; yena ke uya kusoloko ehlala ehleli eJerusalem. 26Ngoko ke abaLevi aba akuseyomfuneko kubo ukuthwala isibingelelo nezixhobo ezisetyenziswa kuso.” 27Ngokwalo myalelo kaDavide ke abaLevi babalwa kuqalelwa kwabo baneminyaka emashumi mabini nangaphezulu. 28Umsebenzi wabaLevi aba ke yayikukunceda inzala ka-Aron kumsebenzi wendlu kaNdikhoyo: ukujonga iinkundla namagumbi azo, ukuhlanjululwa kwezinto ezingcwele, nokujongana nayo yonke eminye imisebenzi yendlu kaThixo. 29Yayingabo abajongene nesonka esasihlala etafileni, umgubo womnikelo weenkozo, nemiqhathane enganyuswanga, ukubhaka nokuxuba, nazo zonke iindidi zemilinganiselo. 30Ngazo zonke iintsasa kwakufuneka beme babulele badumise uNdikhoyo; nasemalanga ke kwakufuneka benze kwaloo nto. 31Ukanti nanini na kusenzelwa uNdikhoyo amadini atshiswayo *ngeMihla yokuPhumla nangemibhiyozo yokuthwasa kwenyanga, nangawo onke amatheko amisiweyo. Kwakufuneka bahlale belungiselela uNdikhoyo ngamathuba amisiweyo, naloo nto ke beyenza ngendlela emisiweyo.
32Ngoko ke abaLevi abo bawuqhuba umsebenzi wabo apho esibingelelweni nakwindawo engcwele, bephantsi kwabantakwabo abayinzala ka-Aron, belungiselela apho endlwini kaNdikhoyo.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 23: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy