YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 22

22
1Ke kaloku uDavide wathi: “Iza kwakhiwa apha indlu *kaNdikhoyo uThixo kunye neqonga lamadini atshiswayo awenzelwa uSirayeli.”
Amalungiselelo okwakha indlu kaThixo
2Ngoko ke uDavide wayalela ukuba kuqokelelwe bonke abasemzini abemi apho kwaSirayeli, waza ke apho kubo wakhetha abangabaqingqi bamatye, ukuze bakrole amatye okwakha indlu kaThixo. 3Wakhupha nento eninzi yentsimbi yokwenza izikhonkwane zeengcango zamasango nezokubethelela, kananjalo nobhedu olubunzima bungenamlinganiselo. 4Wakhupha nenyambalala yezikhuni zomsedare; kaloku zona uDavide wayeziphiwe zazininzi gqitha ngamaSidon namaTire. 5UDavide wathi: “Umfana wam uSolomon usemncinci, engekabi nawo namava, ibe ke yona le ndlu *kaNdikhoyo eza kwakhiwa kufuneka ibe lipomakazi eliyimbalasane, uduma-kude ngobunewu-newu nakuzo zonke izizwe. Ngoko ke ndiza kuwenza amalungiselelo okwakhiwa kwayo.” Ewe, uDavide wawenza ngokubanzi amalungiselelo lawo kwangaphambi kokusweleka kwakhe.
6UDavide wathetha nonyana wakhe uSolomon, wamyalela ukuba akhele uNdikhoyo uThixo kaSirayeli indlu. 7Wathi apho kuSolomon: “Mfo wam, ndandizimisele ukulakhela indlu igama *likaNdikhoyo uThixo wam. 8Kambe ke kwafika ilizwi likaNdikhoyo kum, lisithi: ‘Wena uliphalaze gqitha igazi; ulwe iimfazwe ezininzi gqitha. Ngoko ke asinguwe oya kulakhela indlu igama lam, kuba wena uphalaze igazi elininzi gqitha emhlabeni phambi kwam. 9Kambe ke uza kuba nonyana oya kuba yindoda yoxolo nenzolo; mna ndiya kumthi jize ngenzolo, ndimphumze macal' onke ezintshabeni zakhe. Igama lakhe liya kuba nguSolomon, ibe ke uSirayeli ndiya kumthi jize ngoxolo nenzolo ngexesha lombuso wakhe. 10Nguye ke oya kulakhela indlu igama lam. Yena uya kuba ngunyana wam, mna ndibe nguYise. Ewe, mna ndiya kusizinzisa isihlalo sombuso wakhe phezu koSirayeli kude kube ngunaphakade.’ 11Ngoko ke ngoku, nyana wam, ngamana wanawe uNdikhoyo; ngamana waphumelela ekuyakheni indlu kaNdikhoyo uThixo wakho, nanjengoko wayethe uya kuyakha. 12UNdikhoyo ngamana wakupha ingqiqo nokuqonda xa ekufaka ukuba wongamele uSirayeli, khon' ukuze uwuthobele umthetho kaNdikhoyo uThixo wakho. 13Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!
14“Amalungiselelo ndiwenze ngenyameko, ndilungiselela ukwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo. Ndiqokelele iitoni zegolide ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye neetoni zesiliva ezingaphezu kwamashumi amathathu anesine amawaka, ukuze kwakhiwe indlu leyo, kwakunye nentaphane yobhedu, kunye nentsimbi ebunzima bungenamlinganiselo, ngokunjalo nemithi namatye. Nawe ke ungazongeza ezo zinto. 15Unabo baninzi abasebenzi, abaqingqi bamatye, iingcibi nabachweli, kunye namadoda angamachule kuzo zonke iindidi zomsebenzi. 16Igolide nesiliva, ubhedu nentsimbi, ikho ingenamlinganiselo. Ngoko ke qalisa, uNdikhoyo abe nawe!”
17Ngoko ke uDavide waziyalela zonke iinkokheli zakwaSirayeli ukuze zincedisane naye unyana wakhe uSolomon. 18Wathi kuzo: “Andithi na kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unani? Ewe kambe, unithe jize ngenzolo ngeenxa zonke! Kaloku uzinikele esandleni sam zonke iintlanga ezingabemi beli lizwe. Eli lizwe ke ngoko lelikaNdikhoyo nabantu bakhe. 19Ngoko ke zinikezeleni ngomxhelo wenu wonke kuNdikhoyo uThixo wenu. Qalisani ukuyakha indlu kaNdikhoyo uThixo, ukuze nibe nako ukuyingenisa ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo kunye nezinto ezingcwele zikaThixo, zonke nizifake kuloo ndlu iza kwakhelwa igama likaNdikhoyo.”

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 22: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy