YouVersion Logo
Search Icon

1 YEZIGANEKO 2

2
Inzala kaYakobi
1Naba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uZebhulon, 2uDan, uJosefu, uBhenjamin, uNafetali, uGadi, noAshere.
Inzala kaJuda
3Oonyana bakaJuda nguEre, no-Onan, noShela, oonyana abathathu abazelwe ngumKananakazi uBhashuwa. Ke uEre, amazibulo kaJuda, zange amkholise *uNdikhoyo, waza wambulala. 4UTamare, umolokazana kaJuda, wamzalela uPerezi noZera. Bebonke ke oonyana bakhe babebahlanu.
5Oonyana bakaPerezi nguHezeron noHamuli. 6Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHeman, noKalkoli, noDara. Bebonke babebahlanu. 7Unyana kaKarmi nguAkana, lowo wawahlisela inkathazo amaSirayeli, wenza ubuqhophololo ngokuwathathela kuye amaxhoba awayefanele ukutshatyalaliswa.
8Unyana kaEtan nguAzariya.
Umlibo kaDavide
9Oonyana bakaHezeron nguJerameli, noRam, noKelubhayi. 10URam wazala uAminadabhi, uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yamaJuda. 11UNashon wazala uSalma, uSalma wazala uBhowazi, 12uBhowazi wazala uObhede, uObhede wazala uJese.
13Naba oonyana abasixhenxe bakaJese ngokuzana kwabo: uEliyabhi, uAbhinadabhi, uShimeha, 14uNataniyeli, uRadayi, 15uOzem, noDavide. 16Oodade babo yayinguZeruya noAbhigeli. UZeruya wayenoonyana abathathu: uAbhishayi, uJowabhi, noAsayeli. 17UAbhigeli wazala uAmasa; uyise ka-Amasa nguYetere umIshmayeli.
Inzala kaHezeron
18Unyana kaHezeron uKalebhi wazalelwa intombi enguJerihoti ngumkakhe uAzubha, waza wazala oonyana abanguYeshere, noShobhabhi, noArdon. 19Akusweleka uAzubha uKalebhi wathatha uEfrati owazala uYuri. 20UYuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhezaleli.
21Emva koko, xa uHezeron wayeminyaka imashumi mathandathu, wathatha intombi kaMakire uyise kaGiliyadi, eyamzalela uSegubhi. 22USegubhi wazala uJayire owayenemizi engamashumi amabini anantathu ezweni laseGiliyadi. 23Ke uGeshuri noAram bathimba iHavoti-yayire kunye neKenati namaphandle azo, iilali ezingamashumi amathandathu zizonke. Bonke aba bantu babeyinzala kaMakire uyise kaGiliyadi.
24Emva kokusweleka kukaHezeron eKalebhi yase-Efrata, umka-Hezeron uAbhiya wamzalela uAshure ukhokho weTekowa.
Inzala kaJerameli
25Oonyana bakaJerameli, amazibulo kaHezeron, nguRam owamazibulo, noBhuna, no-Oren, no-Ozem, noAhiya. 26UJerameli ebenomnye umfazi ogama linguAtara, owayengunina kaOnam. 27Oonyana bakaRam, amazibulo kaJerameli, nguMazi, noTamin, noEkere. 28Oonyana bakaOnam nguShamayi noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi noAbhishure.
29Umka-Abhishure nguAbhihayili owazala uAbhan noMolidi. 30Oonyana bakaNadabhi nguSelede noApayim. USelede wafa engenamntwana. 31Unyana ka-Apayim nguIshi, uyise kaSheshan owazala uAlayi.
32Oonyana bakaYada, umntakwabo-Shamayi, nguYetere noJonatan. UYetere wafa engenamntwana. 33Oonyana bakaJonatan nguPelete noZaza. Bonke aba ke yinzala kaJerameli. 34USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. Ebenesicaka esingumJiputa esigama linguYar-ha. 35Ke uSheshan wendisela intombi yakhe kwisicaka sakhe uYar-ha yaza yazala uAtayi. 36UAtayi wazala uNatan, uNatan wazala uZabhadi, 37uZabhadi wazala uEflali, uEflali wazala uObhedi, 38uObhedi wazala uYehu, uYehu wazala uAzariya, 39uAzariya wazala uHeleze, uHeleze wazala uElasa, 40uElasa wazala uSisamayi, uSisamayi wazala uShalum, 41uShalum wazala uYekamiya, uYekamiya wazala uElishama.
Inzala kaKalebhi
42Amazibulo kaKalebhi, umntakwabo-Jerameli, nguMesa. UMesa wazala uZifi, uZifi wazala uMaresha, ukhokho weHebron. 43Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema. 44UShema wazala uRaham, uyise kaYokeham. URekem yena wazala uShamayi. 45UShamayi wazala uMahon, ukhokho weBhete-zure.
46UKalebhi wayeneqadi elinguHefa elazala uHaran, noMoza, noGazeze. UHaran wazala uGazeze.
( 47Oonyana bakaYadayi nguRegem, noJotam, noGeshan, noPelete, noHefa, noShahafe.)
48UKalebhi wayenelinye iqadi elinguMahaka elazala uShebhere noTirana. 49Liphinde lazala uShahafe, ukhokho weMademana, noSheva, ukhokho weMakebhena neGibheya. Intombi kaKalebhi nguAkesa.
50Naba balandelayo bakwayinzala kaKalebhi:
Oonyana bakaYuri, amazibulo kaEfrata, nguShobhali ukhokho weKiriyati-yarim. 51Ubuye wazala uSalma ukhokho weBhetelehem, waza wazala noHarete ukhokho weBhete-gadere.
52Inzala kaShobhali, ukhokho weKiriyati-yarim, ngabantu baseHarowe necandelo labantu baseManati, 53kwakunye nezindlu zaseKiriyati-yarim ezingamaItri, amaPuti, amaShumati, namaMisherayi. Aphuma apha amaZorati namaEshtawoli.
54Inzala kaSalma ngabantu baseBhetelehem, nabaseNetofa, nabaseAteroti-bhete-jowabhi, nelinye icandelo labantu baseManati amaZori. 55Ukwangukhokho wezindlu zababhali ababehlala eYabheze: amaTira, amaShimeya, namaSuka. La ngamaKeni ayinzala kaHamati ukhokho weBhete-rekabhi.

Currently Selected:

1 YEZIGANEKO 2: XHO96

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy