YouVersion Logo
Search Icon

INGOMA YAZO IINGOMA 1

1
Umtshakazi uvuyela ubunzwakazi bakhe
1Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.
2Makandange ngokwanga komlomo wakhe;
Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.
3Amafutha akho anevumba elimnandi;
Liyioli ethululwayo igama lakho;
Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.
4Nditsale, sogidima emva kwakho;
Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe,
Sogcoba, sivuye ngawe.
Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini;
Zikuthanda zinyanisile.
5Ndimnyama, ndinomkhitha noko,
Zintombi zaseYerusalem,
Njengeentente zakwaKedare,
Njengamalengalenga kaSolomon.
6Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama,
Ngakuba nditshe lilanga.
Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo,
Bandenza umlindi wezidiliya;
Ke esisesam isidiliya andisilindanga.
7Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam,
Walúsela phi na? Ùyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu?
Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyo
Ngasemihlambini yamakholwane akho?
8Ukuba àkwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi,
Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi,
Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.
Isincoko sokuthandana komyeni nomtshakazi
9Ndikufanekisé, wethu,
Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro!
10Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca,
Umqala wakho zizidanga.
11Sòkwenzela iingcaca zegolide
Ezinamaqhula esilivere.
12Xa ukumkani asesetafileni yakhe,
Inadusi• yam isuka ilikhuphe ivumba layo.
13Sisiqhuma semore• intánda yam kum,
Esihleli phakathi kwamabele am.
14Sisihloko sekofere• intánda yam kum
Ezidiliyeni zase-Engedi.
15Yabona, ùyinzwakazi, wethu! Yabona, ùyinzwakazi!
Amehlo akho anjengawamavukuthu.
16Yabona, ùyinzwakazi, ntánda yam; ewe, umnandi;
Umandlalo wethu uluhlaza.
17Imiqadi yendlu yethu yimisedare,•
Iipanele• zethu yimisipres.•

Currently Selected:

INGOMA YAZO IINGOMA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy