YouVersion Logo
Search Icon

ISITYHILELO 1

1
Intshayelelo nombuliso
1Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya; waqondisa wathumela ngaso isithunywa sakhe sasemazulwini kumkhonzi wakhe uYohane, 2owalingqinelayo ilizwi likaThixo nobungqina bukaYesu Kristu, kwaneento zonke awazibonayo.
3Únoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi.
4UYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe; 5nakuYesu Kristu, oliNgqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba.
Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi, 6wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise: kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 7Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabáyo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe, amen.
8Mna ndinguAlfa• no-Omega,• isiqalo nesiphelo; itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla.
Umbono woNyana woMntu
9Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu. 10Ndaye ndikuMoya ngemini eyeyeNkosi; ndeva emva kwam izwi elikhulu, ngathi lelexilongo, lisithi, 11Mna ndinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela. Okubonayo kubhale encwadini, ukuthumele kuwo amabandla asixhenxe aseAsiya: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatira, eSardesi, eFiladelfi, eLawodike.
12Ndaza ndee guququ, ukuba ndilibone ilizwi elo belithetha nam. Ndithe guququ ke, ndabona iziphatho zezibane zegolide zisixhenxe; 13naphakathi kweziphatho zosixhenxe ezo, ofana noNyana woMntu, ambethe ingubo efike ezinyaweni, ebhinqe emabeleni umbhinqo wegolide. 14Intloko yakhe ke neenwele zimhlophe, njengoboya bezimvu obumhlophe njengekhephu; amehlo akhe enjengelangatye lomlilo; 15iinyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, zingathi zivuthiswe eziko; izwi lakhe ngáthi sisandi samanzi amaninzi. 16Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene; emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bunjengelanga, likhanya ngamandla alo.
17Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo.
Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; mna ndingowokuqala nowokugqibela, ndinguye odla ubomi; 18ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa. 19Zibhale izinto ozibonileyo, nezikhoyo, kwaneziya kubakho emva kwezo. 20Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, yile: Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe; neziphatho ezo zisixhenxe uzibonileyo ngamabandla osixhenxe.

Currently Selected:

ISITYHILELO 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy