YouVersion Logo
Search Icon

UYONA 1

1
UYona uthunyelwa eNineve nguThixo
1Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kuYona, unyana ka-Amitayi, lisithi, 2Suk' ume, uye eNineve, kuloo mzi mkhulu, umemeze ngawo; kuba iindawo zawo ezimbi zinyukile, zeza phambi kwam.
UYona uyasaba, inqanawa yakhe intlithwantlithwa luqhwithela
3Wesuka uYona, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova. Wehla ke waya eYafo, wafumanana nenqanawa eya eTarshishe. Wayirhola ingqesho yayo, wehla, wangena kuyo, ukuze aye nabo eTarshishe, emke ebusweni bukaYehova. 4Ke uYehova wagalelekisa umoya omkhulu elwandle; kwabakho umoya omkhulu ovuthuzayo elwandle, inqanawa leyo yanga iza kwaphuka. 5Boyika oomateloshe, bakhala elowo kuthixo wakhe; bayijulela elwandle impahla ebisenqanaweni, ukuziphungulela bona.
UYona ke wayehlé waya ezantsi enqanaweni, wasindwa bubuthongo walala. 6Wasondela kuye umphathi wababheqi, wathi kuye, Wènzani na, thongorhandini? Vuka, ubize kuThixo wakho; mhlawumbi uThixo angásikhumbula, singabhubhi.
7Bathi omnye komnye, Yizani, senze amaqashiso, sázi ukuba kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi. Benza amaqashiso, iqashiso laphuma noYona. 8Bathi kuye, Khawusixelele, kungenxa kabani na ukuba sibe nobu bubi? úyintoni na umsebenzi wakho? ùvela phi na? liphi na ilizwe lakowenu? ùngowabaphi na abantu? 9Wathi kubo, NdingumHebhere; ndiyamoyika uYehova, uThixo wamazulu, owenza ulwandle, nomhlaba lo womileyo. 10Oyika amadoda lawo ngoloyiko olukhulu, athi kuye, Yintoni na le uyenzileyo? Ngokuba amadoda lawo ayesazi ukuba ubaleka emka ebusweni bukaYehova; kuba wayewaxelele.
UYona ujulelwa elwandle, aginywe yintlanzi
11Athi kuye, Masenze ntoni na kuwe, ukuze ulwandle ludambe, lusiyeke? 12Kuba ulwandle belusiya lusilwa. Wathi kuwo, Ndifunquleni, nindijulele elwandle, ludambe ulwandle, luniyeke; kuba ndiyazi, ukuba lo moya, mkhulu uvuthuzayo, ùphezu kwenu, úngenxa yam.
13Atyhudisa emazeni amadoda, ezama ukuyibuyisela emhlabeni owomileyo inqanawa; akhohlwa, kuba ulwandle lwaya lusilwa phezu kwazo ngeenxa zonke. 14Anqula uYehova, athi, Gxebe, Yehova, masingafi, masingafi ngomphefumlo wale ndoda, ungalibeki phezu kwethu igazi elimsulwa; ngokuba wena, Yehova, wenzé ngokuthanda kwakho. 15Amfunqula ke uYona, amjulela elwandle; lwazola ulwandle, lwakuyeka ukujala kwalo. 16Amadoda amoyika uYehova ngoloyiko olukhulu, abingelela kuYehova umbingelelo, abhambathisa izibhambathiso.
17UYehova wamisela intlanzi enkulu ukuba imginye uYona. UYona waba sembilinini wentlanzi iimini ezintathu nobusuku obuthathu.

Currently Selected:

UYONA 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy