YouVersion Logo
Search Icon

UYOBHI 1

1
Ukonwaba kukaYobhi
1Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi. Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. 2Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu. 3Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane, namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.
4Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo. 5Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.
6Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana• phakathi kwabo. 7Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
8Wathi uYehova kuSathana, Ùmgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini? 9USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo úfumana emoyikela ilizé na uThixo? 10Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke; wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe? 11Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
12Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.
Amashwa kaYobhi
13Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu. 14Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo; 15agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela. 16Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela. 17Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
18Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu; 19nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zoné zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
20Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda. 21Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwazé: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.
22Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.

Currently Selected:

UYOBHI 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy