YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKOLOSE 1

1
Umbuliso
1UPawulos, umpostile• kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, 2ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
Umbulelo nomthandazo
3Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo, 4sívile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, 5ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo; 6zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenyaniso; 7njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintánda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu; 8owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni.
9Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya; 10ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; 11nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; 12nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni; 13owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe, 14esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko.
Isiqu sikaKristu nomsebenzi wakhe
15Úngumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke. 16Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena. 17Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye.
18Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke. 19Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye, 20nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini.
21Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe, 22ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe; 23ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos.
Isabelo sikaPawulos emsebenzini kaKristu
24Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla; 25endaba ngumlungiseleli walo mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo, 26kwaimfihlelo, leyo ke ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni; kukalokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe, 27awathandayo uThixo ukubazísa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga, obunguKristu phakathi kwenu, ithemba lozuko. 28Sazísa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko, ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu; 29endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla.

Currently Selected:

KWABASEKOLOSE 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy