YouVersion Logo
Search Icon

UMIKA 6

6
Ukuphikisana kukaYehova nabantu bakhe
1Khanive akuthethayo uYehova; uthi, Suk' ume, ubambane neentaba, iinduli zilive ilizwi lakho. 2Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli. 3Bantu bam, ndenzé ntoni na kuni? Ndinidinisé ngantoni na? 4Ndíphenduleni. Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam. 5Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.
Unqulo oluyinyaniso
6Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndínamathole amnyaka mnye na? 7Wókholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam? 8Ùxelelwe, mntundini, okulungileyo: akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.
Ukungathembeki nesohlwayo sako
9Izwi likaYehova libhekisa kuwo umzi ukubiza, igama lakho liyayibona eyona nto iyiyo. Yiveni intonga, nalowo uyiyalelayo. 10Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa• edlekileyo, ebhavunyelweyo? 11Ndoqaqamba na ndinesikali• sokungendawo, ndinengxowa yamatye• enkohliso? 12Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethé ubuxoki, nolwimi lwabo lubé lunenkohliso emlonyeni wabo.
13Nam ke ndikuxábele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho. 14Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikèle ekreleni. 15Wena uya kuhlwayela, ungàvuni; wena uya kuxovula umnquma, ungàzithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungàseli wayini. 16Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinènze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.

Currently Selected:

UMIKA 6: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy