YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 28:12-15

UMATEYU 28:12-15 XHO75

Bathe bona, bakùhlanganisana namadoda amakhulu, bakùbhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo, besithi, Ze nithi, Abafundi bakhe beza ngobusuku, bamba silele. Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala nina. Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.