UYOBHI 17
17
1Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe,
Into yam ngamangcwaba.
2Inene ndiyinto abadlala ngayo,
Neliso lam lilibéle ziinkani zabo.
3Khawubeke into, undimele;
Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?
4Ngokuba intliziyo yabo ùyifihlele ukuqiqa;
Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.
5Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba,
Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.
6Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni;
Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
7Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka;
Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
8Bamangaliswa abathe tye yile nto;
Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
9Ke olilungisa ubambe indlela yakhe,
Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
10Kodwa nina nonke, buyani, khanize;
Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
11Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam,
Amafa entliziyo yam.
12 Bathi ubusuku yimini;
Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
13Ukuba ndithe ndathemba, ndithembé elabafielyo, indlu yam;
Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
14Ukuba ndithe kukubola, Ùngubawo;
Ndathi kwimpethu, Ùnguma, ùngudade wethu:
15Liphi na ke ngoku ithemba lam?
Ithemba lam, ngubani na owolibona?
16Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo,
Xa siphumla kunye eluthulini.
Currently Selected:
UYOBHI 17: XHO75
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.

:
Highlight
Copy
Compare
Share
Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.