YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 10

10
Umzekeliso womalusi olungileyo
1Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. 2Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. 3Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe, azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona. 4Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe. 5Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini.
6Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo.
7Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu. 8Bonke abezáyo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga. 9Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. 10Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo.
11Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu. 12Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu. 13Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu. 14Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. 15Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu.
16Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye. 17Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. 18Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo.
19Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi. 20Yayisithi ke into eninzi kuwo, Únedemon, úyageza; yini na ukuba nimphulaphule?
21Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?
UYesu emthendelekweni wokuhlaziywa kwetempile. Ubutshaba bamaYuda
22Ke kaloku, kwabakho umthendeleko wokuhlaziywa kwetempile eYerusalem; kwaye kusebusika. 23Waye ehambahamba uYesu etempileni, evarandeni• kaSolomon. 24Amngqonga ngoko amaYuda, athi kuye, Koda kube nini na usiphongomisile? Ukuba unguye uKristu,• sixelele ngokuphandle.
25Wawaphendula uYesu wathi, Ndinixelele, noko anikholwa; imisebenzi endiyenzayo mna egameni likaBawo, yona iyangqina ngam. 26Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo. 27Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela; 28mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam. 29UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo. 30Mna noBawo sibanye.
31Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube. 32Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo? 33Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ùngumntu nje, usuke uzenze uThixo.
34Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo? 35Ukuba úthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa), 36nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Ùyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo? 37Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim. 38Ke ukuba ndiyayenza, nokuba anikholwa ndim, kholwani yiyo yona imisebenzi; ukuze nazi, nikholwe, ukuba uBawo ukum, nam ndikuye.
39Abuya ngoko afuna ukumbamba; waphuluka ezandleni zawo.
40Wabuya wemka, waya phesheya kweYordan, kwindawo abebhaptizela kuyo uYohane kuqala; wahlala khona. 41Kweza babaninzi kuye, bathi, UYohane okunene akenzanga namnye umqondiso; kodwa ke zonke izinto, awazithethayo uYohane ngaye lo, zaziyinene. 42Bathi abaninzi bakholwa kuye khona apho.

Currently Selected:

UYOHANE 10: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy