YouVersion Logo
Search Icon

IEKSODUS 3

3
Ubizo lukaMoses lokuhlangula amaSirayeli
1Ke kaloku uMoses wayesalusa impahla emfutshane kaYitro, uyise womkakhe, umbingeleli wakwaMidiyan, wayiqhubela ele kwentlango, wafika entabeni kaThixo eHorebhe. 2Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi, wakhangela, wabona ityholo lisitsha ngumlilo, noko lingàde litshe liphele. 3Wathi uMoses, Makhe ndityeke, ndiye kubona lo mbono mkhulu; ukuba kutheni na ukuba ityholo lingatshi liphele. 4Wabona uYehova, ukuba utyekile esiza kubona; uThixo wabiza esetyholweni phakathi, wathi kuye, Moses, Moses. Wathi yena, Ndilapha. 5Wathi, Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezo ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. 6Wathi, NdinguThixo kayihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wabusithelisa uMoses ubuso bakhe, kuba ebesoyika ukukhangela kuThixo.
7Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo. 8Ndihlile ke; ndizé kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi. 9Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa. 10Hamba ngoku, ndíkuthume kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.
11Wathi uMoses kuThixo, Ndingubani na ukuba ndingáde ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli? 12Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba. 13Wathi uMoses kuThixo, Ùyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo? 14Wathi uThixo kuMoses, NDINGUYE ENDINGUYE. Wathi, Wòtsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNDINGUYE undithumile kuni.
15Waphinda wathi uThixo kuMoses, Wòthi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade, sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana. 16Yiya uhlanganise amadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, kaIsake, kaYakobi, ubonakele kum, wathi, Ndinivelele nina, naloo nto niyenziweyo eYiputa. 17Ndathi, Ndiya kuninyusa niphume ezintsizini zaseYiputa, niye ezweni lamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ezweni elibaleka amasi nobusi.
18Boliphulaphula ilizwi lakho; uze uye ke wena namadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani waseYiputa, nithi kuye, UYehova uThixo wamaHebhere uhlangene nathi; ngoku makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu. 19Ke mna ndiyazi, ukuba ukumkani waseYiputa akayi kunivumela ukuba nihambe, nokuba sekungesandla esithe nkqi. 20Ndiya kusolula isandla sam, ndiyibethe iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza phakathi kwayo, andule ke ukunindulula. 21Aba bantu ndiya kubababala phambi kwamaYiputa; kuthi, xa nithe nemka, ningemki nizé. 22Intokazi iya kucela kwengummelwane wayo, nakwengumphambukeli endlwini yayo, impahla yesilivere, nempahla yegolide, neengubo, nizinxibe oonyana benu neentombi zenu, niwaphange amaYiputa.

Currently Selected:

IEKSODUS 3: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy