YouVersion Logo
Search Icon

IZIKRONIKE II 1

1
USolomon uzinyulela ubulumko; ubutyebi bakhe
1USolomon, unyana kaDavide, womelela ebukumkanini bakhe; uYehova uThixo wakhe waba naye, wamenza mkhulu, wamphakamisa.
2Wathetha uSolomon kumaSirayeli onke, kubathetheli bamawaka nabamakhulu, nakubagwebi, kwizikhulu zonke, kumaSirayeli onke, kwiintloko zezindlu zooyise. 3Baya ke ooSolomon nebandla lonke elo esigangeni esibe siseGibheyon; ngokuba yabe ikhona intente yokuhlangana kaThixo, awayenzayo uMoses umkhonzi kaThixo entlango.
4Ke yona ityeya kaThixo wayeyinyusile uDavide eKiriyati-yeharim, wayisa kuloo ndawo abeyilungisele yona uDavide; ngokuba wayeyimisele intente eYerusalem. 5Isibingelelo sobhedu, abesenzile uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, sasilapho phambi komnquba kaYehova; bamquqela uYehova ooSolomon nebandla kwisibingelelo eso, 6Wenyusa khona uSolomon esibingelelweni sobhedu phambi koYehova, esibe singasententeni yokuhlangana, wenyusa kuso amadini anyukayo aliwaka.
7UThixo wabonakala ngobo busuku kuSolomon, wathi kuye, Cela into, ndikuphe. 8Wathi uSolomon kuThixo, Wena wenzé kuDavide ubawo inceba enkulu, wandenza ukumkani esikhundleni sakhe. 9Ke kaloku, Yehova Thixo, malinyaniseke ilizwi lakho owalenza kuDavide ubawo; ngokuba wena undenzé ukumkani wabantu abaninzi njengothuli lomhlaba. 10Ndínike kaloku ubulumko nokwazi, ndiphume ndingene phambi kwaba bantu; ngokuba ngubani na onokubalawula aba bantu bakho bangaka?
11Wathi uThixo kuSolomon, Ngenxa enokuba loo nto ibisentliziyweni yakho, akwacela ubutyebi, nenzuzo, nozuko, nobomi beentshaba zakho; kananjalo akwacela imihla emininzi, wasuka wazicelela ubulumko nokwazi, ukuze ubalawule abantu bam, endikwenze ukumkani kubo: 12ùbunikiwe ubulumko nokwazi; ndiya kukunika ubutyebi, nenzuzo, nozuko, ekungabangakho unjalo kookumkani ababephambi kwakho, ekungayi kubakho unjalo emva kwakho.
13Wabuya ke uSolomon esigangeni esibe siseGibheyon, weza eYerusalem, esuka phambi kwentente yokuhlangana, waba ngukumkani kumaSirayeli.
14USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo; waba newaka elinamakhulu amané eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem. 15Ukumkani wayenza isilivere negolide yaninzi njengamatye eYerusalem, nemisedare• wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi. 16Ukuphuma kwamahashe abengakaSolomon eYiputa, lathi igqiza labathengela ukumkani, lathabatha igqiza lawo ngenani elithile. 17Baphuma nenqwelo eYiputa, bayithenga ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere,• nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu. Benjenjalo ke bona ngokwabo ukubathuthela amahashe ookumkani bonke bamaHeti nookumkani bama-Aram.•

Currently Selected:

IZIKRONIKE II 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy