Kananjalo, ukuba lithe ilungisa libuya ebulungiseni balo, lenza okungendawo, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo, liya kufa; ngokuba ungamlumkisanga, wofa ngenxa yesono sakhe, nangenxa yobulungisa bakhe abenzileyo abayi kukhunjulwa; ke igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.