1
UHOSIYA 9:17
IBHAYIBHILE
XHO96
UThixo wam wabalahla kwesinomhlwa; kaloku bona abamphulaphulanga. Ngoko ke boba ziimbacu ezizweni.
Compare
Explore UHOSIYA 9:17
2
UHOSIYA 9:1
Musa ukonwaba, Sirayeli; ewe, sukuvuya njengezinye izizwe. Kaloku wena umphambile uThixo wakho; wena usuke wamfulathela. Uthe phithi yimali yokuzithengisa kuzo zonke izanda zokubhula.
Explore UHOSIYA 9:1
3
UHOSIYA 9:7
Iyeza imihla yesohlwayo – nditsho imihla yembuyekezo – noSirayeli ke uza kuqonda. Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu, nobunzulu bentiyo yenu, *umshumayeli nithi sisityhakala, umntu onefuthe likaMoya uphambene.
Explore UHOSIYA 9:7