1
UHEZEKILE 33:11
IBHAYIBHILE
XHO96
Yithi kubo: ‘Ndikho nje ndiyafunga, itsho iNkosi uNdikhoyo; akundikholisi ukufa kwabakhohlakeleyo. Ndithanda ukuba baguquke, bahlukane nezenzo zabo zobugwenxa, badle ubomi. Guqukani! Guqukani kwiindlela zenkohlakalo. Ngani ukuba nide nife, ndlundini kaSirayeli?’
Compare
Explore UHEZEKILE 33:11
2
UHEZEKILE 33:7
“Mntundini, wena ndikwenze umlindi wendlu kaSirayeli; ngoko phulaphula amazwi endiwathetha kuwe, uze ubalumkise.
Explore UHEZEKILE 33:7
3
UHEZEKILE 33:9
Kodwa ukuba umntu okhahlakeleyo umnqandile kubugwenxa bakhe, waza akakuva, uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa wena uya kuba ubuhlangule ekufeni ubomi bakho.
Explore UHEZEKILE 33:9
4
UHEZEKILE 33:6
Kodwa ukuba uthe umlindi, elibona ikrele lisiza, akalivuthela ixilongo ukulumkisa abantu, laza ikrele lafika labulala omnye wabo, lowo uya kufa ngenxa yesono sakhe, kodwa ityala lokufa kwakhe liya kuba lelomlindi.
Explore UHEZEKILE 33:6
5
UHEZEKILE 33:5
Ulivile ixilongo, kodwa akahoya; ngoko ke ityala lokufa kwakhe lelakhe. Ukuba ebehoyile ngesindile ekufeni.
Explore UHEZEKILE 33:5
Home
Bible
Plans
Videos