1
INUMERI 22:28
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Wawuvula ke uYehova umlomo weesile, lathi kuBhileham, Ndikwenzé ntoni na, ukuba undibethe la maxesha mathathu?
Compare
Explore INUMERI 22:28
2
INUMERI 22:31
Wathi, Hayi. Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso. Wathoba, waqubuda ngobuso bakhe.
Explore INUMERI 22:31
3
INUMERI 22:32
Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphumé mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela.
Explore INUMERI 22:32
4
INUMERI 22:30
Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe?
Explore INUMERI 22:30
5
INUMERI 22:29
Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethé ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!
Explore INUMERI 22:29
6
INUMERI 22:27
Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga.
Explore INUMERI 22:27