ndibànike intliziyo enye, nendlela enye, ukuze bandoyike imihla yonke, kulunge kubo, nakoonyana babo emva kwabo. Ndiya kubenzela umnqophiso ongunaphakade, ukuba ndingabuyi ekubalandeleni, ukuba ndibènzele okulungileyo, ndibeke ukundoyika entliziyweni yabo, ukuze bangandishiyi.