1
I‐Genesise 25:23
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
XHO1902A
Wayesiti UYEHOVA kuye: Zizibini izizwe ezisesizalweni sako; kanjalo zimbini intlobo zabantu abaya kwahluka ematunjini ako; olunye uhlobo lwabantu luya kugqitisa olunye uhlobo lwabantu ngamandla: woti omkulu akonze komncinane.
ஒப்பீடு
I‐Genesise 25:23 ஆராயுங்கள்
2
I‐Genesise 25:30
Waza wati u‐Esau ku‐Yakobi: Kaundidlise kuko okubomvu, okubomvu oko, ngokuba ndicubukile: bekukona kwabizwa igama lake ngo‐Edome.
I‐Genesise 25:30 ஆராயுங்கள்
3
I‐Genesise 25:21
Wamana u‐Yisake emkunga UYEHOVA ngenxa yomfazi wake, ngokuba ebeludlolo; waza UYEHOVA wakungeleka kuye, wada wamita u‐Rebeka umfazi wake.
I‐Genesise 25:21 ஆராயுங்கள்
4
I‐Genesise 25:32-33
Wati u‐Esau: Bona ke, ndiza mna kububa nje, kwondinceda nto nina obubuzibulo? Wayesiti u‐Yakobi: Ndifungele namhla nje! Wasuka wamfungela; waza wamtengisa u‐Yakobi ubuzibulo bake.
I‐Genesise 25:32-33 ஆராயுங்கள்
5
I‐Genesise 25:26
Kamva wapuma umninawe walo, osandla sake sabamba isitende sika‐Esau; kwaza kwabizwa igama lake ngo‐Yakobi. Waye u‐Yisake ebeyiminyaka imashumi matandatu ubudala bake, akubazala.
I‐Genesise 25:26 ஆராயுங்கள்
6
I‐Genesise 25:28
Ute u‐Yisake wamtanda u‐Esau, ngokuba inyama yenyamakazi ibisemlonyeni wake; kodwa u‐Rebeka wamtanda u‐Yakobi.
I‐Genesise 25:28 ஆராயுங்கள்