1
INUMERI 13:30
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siya kuleyisa kakade.
Харьцуулах
INUMERI 13:30 г судлах
2
INUMERI 13:33
Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo.
INUMERI 13:33 г судлах
3
INUMERI 13:31
Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.
INUMERI 13:31 г судлах
4
INUMERI 13:32
Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade.
INUMERI 13:32 г судлах
5
INUMERI 13:27
Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.
INUMERI 13:27 г судлах
6
INUMERI 13:28
Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo siboné abenzalo ka-Anaki khona.
INUMERI 13:28 г судлах
7
INUMERI 13:29
Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emi ngaselwandle nangecala laseYordan.
INUMERI 13:29 г судлах
8
INUMERI 13:26
Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo.
INUMERI 13:26 г судлах