1
IZAFOBE 11:25
IBHAYIBHILE
XHO96
Umntu ophayo uba nenkqubela; ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
సరిపోల్చండి
IZAFOBE 11:25 ని అన్వేషించండి
2
IZAFOBE 11:24
Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela; kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.
IZAFOBE 11:24 ని అన్వేషించండి
3
IZAFOBE 11:2
Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka; kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.
IZAFOBE 11:2 ని అన్వేషించండి
4
IZAFOBE 11:14
Isizwe esingenamcebisi siyawa; kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.
IZAFOBE 11:14 ని అన్వేషించండి
5
IZAFOBE 11:30
Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi; umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.
IZAFOBE 11:30 ని అన్వేషించండి
6
IZAFOBE 11:13
Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo; kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.
IZAFOBE 11:13 ని అన్వేషించండి
7
IZAFOBE 11:17
Umntu onobubele uyazimaseka; kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.
IZAFOBE 11:17 ని అన్వేషించండి
8
IZAFOBE 11:28
Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika; ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.
IZAFOBE 11:28 ని అన్వేషించండి
9
IZAFOBE 11:4
Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo; sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.
IZAFOBE 11:4 ని అన్వేషించండి
10
IZAFOBE 11:3
Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo, kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.
IZAFOBE 11:3 ని అన్వేషించండి
11
IZAFOBE 11:22
Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqo bufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.
IZAFOBE 11:22 ని అన్వేషించండి
12
IZAFOBE 11:1
UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe; kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.
IZAFOBE 11:1 ని అన్వేషించండి