1
IGENESIS 35:11-12
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho. Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndiliniké wena; ndiliniké imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.
Харьцуулах
IGENESIS 35:11-12 г судлах
2
IGENESIS 35:3
sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.
IGENESIS 35:3 г судлах
3
IGENESIS 35:10
Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.•
IGENESIS 35:10 г судлах
4
IGENESIS 35:2
Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi
IGENESIS 35:2 г судлах
5
IGENESIS 35:1
Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho.
IGENESIS 35:1 г судлах
6
IGENESIS 35:18
Kwathi ekuphumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni• igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.•
IGENESIS 35:18 г судлах