1
IEKSODUS 2:24-25
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi. UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.
Харьцуулах
IEKSODUS 2:24-25 г судлах
2
IEKSODUS 2:23
Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.
IEKSODUS 2:23 г судлах
3
IEKSODUS 2:10
Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses,• yathi, Ndamrhola emanzini.
IEKSODUS 2:10 г судлах
4
IEKSODUS 2:9
Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.
IEKSODUS 2:9 г судлах
5
IEKSODUS 2:5
Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.
IEKSODUS 2:5 г судлах
6
IEKSODUS 2:11-12
Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe. Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.
IEKSODUS 2:11-12 г судлах