1
KUMAHEBHERE 1:3
IBHAYIBHILE
XHO96
Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.
Confronta
Esplora KUMAHEBHERE 1:3
2
KUMAHEBHERE 1:1-2
Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli. Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye.
Esplora KUMAHEBHERE 1:1-2
3
KUMAHEBHERE 1:14
Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso.
Esplora KUMAHEBHERE 1:14
4
KUMAHEBHERE 1:10-11
Uphinda athi: “Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni; amazulu ênziwa zizandla zakho. Xa zizonke ziya kudlula, kodwa wena uhlala uhleli; ziya kuguga njengeempahla.
Esplora KUMAHEBHERE 1:10-11