1
UMATEYU 7:7
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Celani, nophiwa; funani, nofumana; nkqonkqozani, novulelwa
Konpare
Eksplore UMATEYU 7:7
2
UMATEYU 7:8
kuba wonke umntu ocelayo uyazuza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uya kuvulelwa.
Eksplore UMATEYU 7:8
3
UMATEYU 7:24
Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo.
Eksplore UMATEYU 7:24
4
UMATEYU 7:12
Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo; kuba oko kungumthetho nabaprofeti.
Eksplore UMATEYU 7:12
5
UMATEYU 7:14
Ngokuba limxinwa isango, icuthene nendlela, esa ebomini; bambalwa ke abalifumanayo.
Eksplore UMATEYU 7:14
6
UMATEYU 7:13
Ngenani ngesango elimxinwa; ngokuba libanzi isango, iphangalele nendlela, esa entshabalalweni; baninzi ke abangena ngalo.
Eksplore UMATEYU 7:13
7
UMATEYU 7:11
Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na yena uYihlo osemazulwini ukugqithisela ngokubapha okulungileyo abo bamcelayo?
Eksplore UMATEYU 7:11
8
UMATEYU 7:1-2
Musani ukugweba, ukuze ningagwetywa. Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo, niya kulinganiselwa kwangawo nani.
Eksplore UMATEYU 7:1-2
9
UMATEYU 7:26
Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo.
Eksplore UMATEYU 7:26
10
UMATEYU 7:3-4
Yini na ke ukuba usibone isibi esisesweni lomzalwana wakho, kanti akuwuqiqi wona umqadi okwelakho iliso? Okanye ungáthini na ukuthi kumzalwana wakho, Yeka ndisikhuphe isibi eso esweni lakho, kanti nângo umqadi kwelakho iliso?
Eksplore UMATEYU 7:3-4
11
UMATEYU 7:15-16
Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?
Eksplore UMATEYU 7:15-16
12
UMATEYU 7:17
Ngokunjalo yonke imithi elungileyo ivelisa iziqhamo ezihle, ke wona umthi ongenguwo uvelisa iziqhamo ezibi.
Eksplore UMATEYU 7:17
13
UMATEYU 7:18
Umthi olungileyo awunakuvelisa ziqhamo zibi, nomthi ongenguwo awunakuvelisa ziqhamo zihle.
Eksplore UMATEYU 7:18
14
UMATEYU 7:19
Wonke umthi ongavelisi ziqhamo zihle uyagawulwa, uphoswe emlilweni.
Eksplore UMATEYU 7:19
Akèy
Bib
Plan yo
Videyo