1
UMATEYU 19:26
IZIBHALO EZINGCWELE
XHO75
Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu le nto ayinakwenzeka; ke kuye uThixo zonke izinto zinako ukwenzeka.
Konpare
Eksplore UMATEYU 19:26
2
UMATEYU 19:6
Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
Eksplore UMATEYU 19:6
3
UMATEYU 19:4-5
Uphendule ke wathi kubo, Anilesanga na ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana, wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?
Eksplore UMATEYU 19:4-5
4
UMATEYU 19:14
Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum; kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.
Eksplore UMATEYU 19:14
5
UMATEYU 19:30
Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
Eksplore UMATEYU 19:30
6
UMATEYU 19:29
Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.
Eksplore UMATEYU 19:29
7
UMATEYU 19:21
Wathi uYesu kuyo, Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu; wòba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.
Eksplore UMATEYU 19:21
8
UMATEYU 19:17
Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho.
Eksplore UMATEYU 19:17
9
UMATEYU 19:24
Kananjalo ke ndithi kuni, Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
Eksplore UMATEYU 19:24
10
UMATEYU 19:9
Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.
Eksplore UMATEYU 19:9
11
UMATEYU 19:23
Wathi ke uYesu kubafundi bakhe, Inene, ndithi kuni, Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu.
Eksplore UMATEYU 19:23
Akèy
Bib
Plan yo
Videyo